- Title
- Igalelo loncwadi lwandulo ku-Ithemba liyaphilisa ka-W.K. Tamsanqa no-Ingqumbo yeminyanya ka- A. C. Jordan
- Creator
- Ganto, Diniwe Joyce
- Date Issued
- 2013
- Date
- 2013
- Type
- Thesis
- Type
- Masters
- Type
- MA (African Languages)
- Identifier
- vital:11150
- Identifier
- http://hdl.handle.net/10353/d1013014
- Description
- Olu phando luqwalasela nzulu igalelo loncwadi lwandulo kolwanamhla uncwadi. Kubalulekile ukuba kwenziwe oku kuba ugxudululu lwabahlalutyi boncwadi lwesiXhosa bakholisa ukukhumathela ekukhangeleni ifuthe loncwadi lwaseNtshona kuncwadi lwesiXhosa, babe bona abahlalutyi abagrombonca igalelo loncwadi lwandulo kolwanamhla (kwisiXhosa) benqongophele. Nemingqandandana ekhoyo yophando oselwenziwe kuncwadi lwesiXhosa ikholisa ukukhangela ifuthe, lona uphando olungegalelo loncwadi lwandulo kolwanamhla lunqongophele. Iincwadi endiphengulula zona kulo msebenzi yile kaJordan (Ingqumbo Yeminyanya), nekaTamsanqa (Ithemba Liyaphilisa). Indlela endiwuhlahlube ngayo lo msebenzi wophengululo ingolu hlobo: Isahluko sokuqala yimbulambethe edandalazisa iindlela-ndlela endiza kuchankcatha ngazo ukugrombonca eli galelo loncwadi lwandulo kolwanamhla. Isahluko sesibini siza kugrombonca imigqaliselo ekwakuchancathwa kuyo endulo xa kuyilwa amabalana omthonyama. Ndibuye ndifunxe ulwazi olunzulu ngala mabali andulo. Isahluko sesithathu siza kukhukhuza sikhangele ezi ncwadi zimbini Ingqumbo Yeminyanya ne Ithemba Liyaphilisa ukuba ezi zithako nala mabali andulo asetyenziswe njani na kuzo. Isahluko sesine siza kutwabulula indlela abazinonga ngayo ezi zithako nala mabali andulo kwezi ncwadi zabo ooJordan noTamsanqa. Kwakhona ndiphinde ndikhangele ukuba ezi zithako zinagalelo lini na kwizigidimi ezingundoqo eziphuhliswa kwezi ncwadi. Isahluko sesihlanu sisishokobezo somsebenzi wezahluko zonke endizenzileyo.
- Format
- 119 leaves; 30 cm
- Format
- Publisher
- University of Fort Hare
- Publisher
- Faculty of Social Sciences & Humanities
- Language
- Xhosa
- Rights
- University of Fort Hare
- Hits: 3695
- Visitors: 3937
- Downloads: 553
Thumbnail | File | Description | Size | Format | |||
---|---|---|---|---|---|---|---|
View Details Download | SOURCEPDF | 683 KB | Adobe Acrobat PDF | View Details Download |