- Title
- Uphononongo lwesimo sabalinganiswa kujongwe izenzo, iimpawu nemikhwa eyandulela nelandela ukubulala kwiincwadi ezikhethiweyo zesiXhosa
- Creator
- Hempe, Zoleka Faith
- Subject
- Xhosa drama (Tragedy) -- History and criticism
- Date Issued
- 2019
- Date
- 2019
- Type
- Thesis
- Type
- Doctoral
- Type
- DLitt
- Identifier
- http://hdl.handle.net/10948/30777
- Identifier
- vital:31129
- Description
- Olu phando luzondelele ukwenza umqela obonakalayo ekuhliseni inani lokubulawa nokuzibulala kwabantu ngokuthi luphengulule iimpawu ezibonakala phambi nasemva kokuzibandakanye nesi senzo. Olu gocagoco lweempawu luza kumncedisa umphandi aqaphele okuqhubeka engqondweni yombulali. Uphando luza kubuye lucebise okunokwenziwa ngabantu xa luthe lwaziqaphela ezi mpawu. Iimeko ezingqonge ababulali ziza kujongwa ngeliso elibukhali ukuba azinafuthe na kwiimeko ezityhalela ababulali kwizenzo zokukhupha imiphefumlo. Isahluko sokuqala yimbulambethe eyintsika yolu phando nezakuthi inike isikhokelo ngendlela oluza kuhamba ngayo uphando, luxovula uluncwadi kwaneendlela ezahlukileyo zophando eziza kusetyenziswa.Amagama angundoqo aza kusetyenziswa kolu phando aza kucaciswa. Isahluko sesibini simalunga neengcingane oluza kwayama ngazo olu phando. Eyonangcingane inkqenkqeza phambili kolu phando yingcigane yobume bengqondo nazakuthi umphandi ayicacise nzulu ukuze akhangele indlela ebachaphazela ngayo ababulali. Le ngcingane imalunga nendlela ingqondo yomntu echaphazeleka ngayo kokumngqongileyo kwaye ikwanikezela neendlela zokuyinyanga. Lolu lwazi ke umphandi aza kulusebenzisa ukuhlalutya imeko yombulali ngamnye kwiincwadi ezichongelwe uhlalutyo. Akhona namanye amangenelela eengcingane athe acaciswa kwesi sahluko nazakuthi umphandi awaqwabulule kwisahluko sesithathu nesesineindlela ayamana ngawo nezenzo zababulali. Kwisahluko sesithathu umphandi uza kuphengulula iimpawu ezibonakala kubabulali abakwiincwadi ezichongiweyo. Isahluko sesine sona ziza kujonga iindidi neendlela zokubulala kuze kucatshulwe kwiincwadi ezichongiweyo siphinde siqaphele nezizathu ezityhilizela ababulali kwezi zenzo zokukhupha imiphefumlo. Isahluko sesihlanu sona siza kubhenca okufunyaniswe luphando size sinike neengcebiso ezinokwenziwa ukunciphisa inanilabantu abakhupha imiphefumlo.
- Format
- ix, 214 leaves
- Format
- Publisher
- Nelson Mandela University
- Publisher
- Faculty of Arts
- Language
- Xhosa
- Rights
- Nelson Mandela University
- Hits: 5288
- Visitors: 7349
- Downloads: 2837
Thumbnail | File | Description | Size | Format | |||
---|---|---|---|---|---|---|---|
View Details Download | SOURCE1 | UPHANDO ZF HEMPE.pdf | 1 MB | Adobe Acrobat PDF | View Details Download |