- Title
- Uphononongo-nzulu ngonxulumano lwamaqhalo esiXhosa nesimo sentlalo nendima yawo kuphuhliso lolwimi
- Creator
- Dongwana, Nosicelo
- Subject
- Proverbs, Xhosa Xhosa language -- Idioms Xhosa language -- translation
- Date Issued
- 2019
- Date
- 2019
- Type
- MA
- Identifier
- http://hdl.handle.net/10948/38741
- Identifier
- vital:34948
- Description
- Olu phando luphonononga nzulu indlela amaqhalo anxulumene ngayo nesimo- sentlalo, wanendlela athi asetyenziswe ngayo ukuphuhlisa ulwimi. Ingcinga ephambili nengundoqo wophando ukuguquka nokutshintsha kolwimi lwesiXhosa ngenxa yesimo sentlalo esingasafaniyo neso samandulo. Kolu phando kuqale kwavela ingcaciso yokuba liyintoni iqhalo, lubeka elubala iingongoma ezahlukileyo ngokwezimvo neembono zeengcali zolwimi nababhali. Lukhangela indima yesimo sentlalo kulwimi lugxininisa kumaqhalo nezaci zamandulo. Luzama kangako ukuphawula indlela ulwimi olunxibelelana ngayo nesimo-ntlalo kwakunye nendalo ngokubanzi. Luveza indima ephambili edlalwa ngamaqhalo nezaci kwinkcubeko nobomi besizwe samaXhosa ngokubanzi, lusebenzisa amaqhalo nezaci zamandulo tanci. Lubonisa ukuba ulwimi aluphelelanga ekubeni yintetho edala ukunxibelelana phakathi kwabantu kuphela, koko luyinqwelo ethwala uxanduva lokudlulusela ulwazi nenkcubeko yesizwe evezwa ngezisusa, imisitho namatheko esiNtu, ngeembali namabali abaliswe ngomlomo esebenzisa izaci namaqhalo, eziyinkcubeko yesizwe zona kuqala. Olu phando lubhentsisa elubala indlela ulwimi olulityathanga loqhagamshelwano ngayo phakathi komntu nendalo. Luvelisa pahaha iimeko zasekuhlaleni ezithe zanefuthe elingelihle kwindalo nezithe zabangela ukutshabalala kolwimi. Le meko iboniswa ngokucacilelyo igxininisa ekubeni nantoni eyenzeka ekuhlaleni ichaphazele ulwimi olusisithuthi sokuchaza oko kwenzekayo. Ukuguquka kwesimo-sentlalo ngenxa yefuthe lokufika kwabantu abaMhlophe kuyabonakaliswa lolu phando, luveza kananjalo iindlela neemeko ezithe zabonakala zichaphazela ukusetyenziwsa kwamaqhalo nezaci kulwimi lwesiXhosa. UkuguqukaUluvo lweengcali lokuba ukusetyenziswa kwamaqhalo nezaci (amadala namatsha) ekufundiseni, ekuphuhliseni ushishino, ezinkonzweni kwiintshumayelo noqeqesho bashumyeli, ingayeyona ndlela igcina amaqhalo nezaci ilondoloze nenkcubeko yethu, ngolwimi lwethu luchatshazelwa lolu phando. Ubuchule bokubhala amaqhalo esiXhosa abesakuba yinxalenye yoncwadi lwemveli olube udluliselwa kwizizukulwana ngobaliso lomlomo ukhankanyiwe, kwakunye nendima yemigaqo-ntetho yolwimi lwesiXhosa, lujonga indlela amaqhalo athi abunjwe ngayo enganxaxhanga kwimigaqo-ntetho olwimi lwesiXhosa, koko ewaphuhlisa ngakumbi kubandakanywa kolu phando. Ndiyathemba ukuba olu phando luza kuba ngumchankcatho wocelo-mngeni kuphuhliso lolwimi lwesiXhosa ngamaqhalo nezaci, nayinkcubeko esisihombo solwimi lwesiXhosa, siwasebenzise ngendlela efanelekileyo sikhulise ulwimi lwethu sizidle ngalo sisazi ukuba singamelana nelizwe langomso.
- Format
- viii,150 leaves
- Format
- Publisher
- Nelson Mandela Metropolitan University
- Publisher
- Faculty of Arts
- Language
- IsiXhosa
- Rights
- Nelson Mandela Metropolitan University
- Hits: 9796
- Visitors: 9880
- Downloads: 1764
Thumbnail | File | Description | Size | Format | |||
---|---|---|---|---|---|---|---|
View Details Download | SOURCE1 | Updated Thesis of Nsicelo.pdf | 721 KB | Adobe Acrobat PDF | View Details Download |