- Title
- Uhlalutyo-nzulu kusetyenziso lolwimi kwiincwadi ezikhethiweyo
- Creator
- Mnwana-Qutywa, Noluyolo Beatrice
- Subject
- Xhosa language -- Grammar
- Subject
- Xhosa language -- Research Linguistic analysis (Linguistics) Computational linguistics
- Date Issued
- 2019
- Date
- 2019
- Type
- Thesis
- Type
- Masters
- Type
- MA
- Identifier
- http://hdl.handle.net/10948/41986
- Identifier
- vital:36615
- Description
- Olu phando lujolise ekubetheleleni ingcamango yokuba ulwazi lwegrama yolwimi nobunjojeli kulwimi ngokubanzi kubalulekile kakhulu ekuphuculeni isakhono sokuthetha ulwimi ngokukuko nokulubhala ngokusemgangathweni. Kukho ingxaki nesihlava esiye sisendela sokungasetyenziswa ngokukuko kolwimi nkqu nangababhali boncwadi, nto leyo edala inkxalabo kuba ukuphela nokuphanza kolwimi kukuphela kwesizwe. Xa kuthethwa ngetekisi kuthethwa ngentsingiselo yayo, ntsingiselo leyo idula ngokuhlalutywa, kunikwe ingqwalasela emandla kwiintsingiselo eziziswa ngamagama ngokwendlela asetyenziswe ngayo. Kuyinto eyaziwayo ukuba igama, alaneli nje ukunika intsingiselo njengoko lisetyenzisiwe entethweni koko nendawo elimi kuyo ngokokuma kwamagama kwintetho okanye kwisivakalisi kunegalelo elinzulu ekuphuhliseni oko kujoliswe kuko ngokwentetho leyo, nokuba iyintetho yomlomo okanye ebhaliweyo. Xa kuchazwa ubuni bolwimi njengesixhobo sonxibelelwano ayinakusingelwa phantsi injongo yokusetyenziswa kwalo. Yiva xa ezi ngcali zigalela ngelithi: “Language offers a window into cognitive function, providing insights into the nature, structure and organisation of thoughts and ideas”. Ngokwalo mhlomlo wezi ngcali ungentla kucaca cace ukubaluleka kolwimi njengesixhobo sokunxibelelana nokusingqongileyo kanti nokuvakalisa iingcamango nezimvo. Ikakhulu ababhali xa bebhala iincwadi zabo kusoloko kukho udaba abanqwenela ukwabelana ngalo nabanye abantu. Olo nxibelelwano luphuhliseka ngakumbi xa ubani enolwazi olunzulu lolwimi. Kolu phando, kuza kuqanyelwa ngesiThako sobuNzululwazi beNgxoxo-Buciko (Critical Discourse Analysis) kuba sona sibethelela ukuhlalutywa kucubungulwe indlela ulwimi olusetyenziswe ngayo kwiitekisi ezibhaliweyo kanti nakwintetho yomlomo, kwaye sikwaphanda nzulu ngeenjongo zokusetyenziswa kolwimi.
- Format
- vi, 150 leaves
- Format
- Publisher
- Nelson Mandela University
- Publisher
- Faculty of Arts
- Language
- Isixhosa
- Rights
- Nelson Mandela University
- Hits: 3842
- Visitors: 4085
- Downloads: 403
Thumbnail | File | Description | Size | Format | |||
---|---|---|---|---|---|---|---|
View Details Download | SOURCE1 | MNWANA-QUTYWA NOLUYOLO BEATRICE.pdf | 827 KB | Adobe Acrobat PDF | View Details Download |