- Title
- Uphononongo-nzulu ngokwesithako solwazi lwemveli ngefuthe lolwimi lokuhlonipha kuluntu jikelele
- Creator
- Dude, Linda Miranda
- Subject
- Xhosa language -- Reseach
- Subject
- Psycholinguistics Anthropological linguistics Sociolinguistics
- Date Issued
- 2018
- Date
- 2018
- Type
- Thesis
- Type
- Masters
- Type
- MA
- Identifier
- http://hdl.handle.net/10948/29904
- Identifier
- vital:30792
- Description
- Olu phando lubunjwe ukuze luphande ifuthe lolwimi lokuhlonipha, oluyenye yeentsika eqamele ngazo inkcubeko yabantu abaNtsundu. Luphando olugxile kwinkcubeko yabantu abantetho isisiXhosa, igcuntswana labemi oluyinxalenye yeentlanga zoMzantsi Afrika. Umphandi ubone kubalulekile kwaye kunyanzelekile ukuba akhe aphose amehlo anike ingqalelo kwinkcubeko yamaXhosa ephanda nzulu ngamabakala okukhula nokudodobala kwenkcubeko yamaXhosa. Olu phando luqamele ngamandla kulwimi lokuhlonipha lungqanyaniswa neenkqubo zenkcubeko ezifana nolwaluko, umtshato wesiNtu, luchankcathe phezu kolwimi lwentlonelo kuhlonelwa izinto ezahlukileyo ezifana nemozulu, imilambo, amangcwaba, iinkundla kunye nezinye. Okukona kuphakamise umphandi ukuba enze olu phando yinto yokuba ukufika kwempucuko yaseNtshona, ukunaba okanye ukwanda kwenkolo yobuKrestu, ukudibana kwabamnyama nabamhlophe ingakumbi kwimitshato, ukuthandana kube nefuthe kulwimi lokuhlonipha olusakuba yintsika yenkcubeko yamaXhosa iinkulungwane ngeenkulungwane zeminyaka. Xa sijonga iinguqu kwezembali nezopolitiko nezithe zabanefuthe elibonakalayo ekutyeshelweni kwenkcubeko yamaXhosa, olu phando luza kwayama uxhase uqalo ngokutsha sithathe apho sishiye khona, loo nto ikukuzama ukuvuselela zonke izinto ezazisandula zisenzeka ukugcina inkcubeko nobuzwe bethu. Olu phando luza kuthi lugxininise kulwimi lwesiXhosa nenkcubeko yalo. Le ngxoxo iza kujonga okokuba intetho yamaXhosa ethi: indoda njengentloko, inefuthe elingakanani ekubekeni abantu ababhinqileyo kumgangatho ongezantsi kowamadoda.Injongo yingxam yaloo nto umntu afuna ukuyibhentsisa. Yintsusa mabandla eyenza ukuba umntu aphakame aphande exhinele ukubona inguqu okanye aphuhlise okuthile. Injongo yolu phando kukutsala emva ludandalazise lutyhile ubutyebi benkcubeko yamaXhosa. Olu phando luza kudandalazisa lubeke elubala indlela izinto zazisenziwa ngayo singekaxhwilwa simke nomrhiba wempucuko yaseNtshona. Olu phando luza kuphuhlisa lubonise indima edlalwa lulwimi lokuhlonipha ekwakheni isizwe esiphilileyo nesomeleleyo. Luza kuqwalasela ifuthe lwenkolo yobuKrestu nefike yatshintsha indlela olwalubaluleke ngayo unqulo kwaXhosa, abantu, iindawo, izilo ezazihlonitshwa zinikwa indawo ebalulekileyo esizweni. Luzama ukwenza utshongo oluza kuhlafuna wona umthinjana nomlisela osakhulayo wesizwe esiNtsundu lugcine amasiko nezithethe.
- Format
- vii, 129 leaves
- Format
- Publisher
- Nelson Mandela University
- Publisher
- Faculty of Arts
- Language
- Isixhosa
- Rights
- Nelson Mandela University
- Hits: 3795
- Visitors: 3982
- Downloads: 301
Thumbnail | File | Description | Size | Format | |||
---|---|---|---|---|---|---|---|
View Details Download | SOURCE1 | LINDA MIRANDA DUDE.pdf | 1005 KB | Adobe Acrobat PDF | View Details Download |