- Title
- Isithako sohlahlubo-bunzululwazi-sakhono kwiimbalo zikaSaule: iinoveli ezintathu = decontsructive stylistic critique of Saule' s writings: the case of three novels
- Creator
- Jaxa, Nontembiso Patricia
- Creator
- Kwatsha, Linda Loretta
- Subject
- Xhosa literature -- Criticism, Textual
- Subject
- Literature -- Black authors -- History and criticism
- Subject
- South African literature -- History and criticism
- Subject
- Saule, N -- Criticism and interpretation
- Subject
- Saule, N -- Literary style
- Date Issued
- 2016
- Date
- 2016
- Type
- Thesis
- Type
- Doctoral
- Type
- PhD
- Identifier
- http://hdl.handle.net/10948/7762
- Identifier
- vital:23830
- Description
- Kule ngxoxo kuqwalaselwa ukugqwesa kwesiThako Sohlahlubo-buNzululwazi-sakhono kuhlalutyo loncwadi. Olu phando lugxile ekuduliseni ukuba akukho luzalwano luthe ngqo, kwaye lusisigxina phakathi kwegama nentsingiselo, ngenxa yobumbaxa beentsingiselo zegama. Esi siThako siludondolo ekusinyelelwa ngalo kolu phando, ukuqaqambisa ukuba iitekisi azinantsingiselo izinzileyo. Ke ngoko ibe ayinabunyani mpela ingcamango yokuba igama linokunanyatheliswa intsingiselo ethile, ze loo ntsingiselo ibange ubuntsusa. Ingxoxo yophando, iphendula imibuzo ebuza ubuni besiThako Sohlahlubo-buNzululwazi-sakhono, nokuchana kwaso ekuhlalutyeni iitekisi zoncwadi. Imibuzo ikwabuza izizathu zokungazinzi kwentsingiselo yetekisi, nokungabi nakwalatheka ncam kwentsingiselo ajolise kuyo umbhali, ngotolo lwakhe oluluchongo-sigama. Le mibuzo iyaphenduleka kubuthumbu bengxoxo. Ingxoxo idandalazisa ukunzotshoba kwesi siThako kuhlahlubo, kuqanyelwa ngeengcingane zaso eziphambili. Ukuphendulwa kwemibuzo yophando, kufezekisa iinjongo zophando. Iinoveli ezichongelwe uphando, ziinoveli ezintathu zikaSaule, ezizezi: Ukhozi Olumaphiko, Umlimandlela kunye no-Vuleka Mhlaba, azikhethelwanga kuthelekiswa koko kukudandalazisa elubala ukunyanisa kwesiThako Sohlahlubo-buNzululwazi-sakhono, malunga nomba weentsingiselo. Ngazo, kudula ubunyani bophindaphindeko lwegama elinye kwimixholo ngemixholo, lizale iintsingiselo ezahlukileyo. Kanti, kukwadandalaza ukuba intsingiselo yegama ayixhomekekanga kumxholo, iyakwazi ukutyekeza ngaphaya kwawo, liveze nezinye iintsingiselo. Olu phando lungaluncedo kakhulu kubafundi nootitshala kuba kanye luphethe umba wokuhlalutywa kweetekisi, ngendlela ekhuthazwa yiNkcazelo yePolisi yeKharityhulam nokuHlola (2011). Ebethelela ukuba kufundo loncwadi kufuneka abafundi bayiqhaqhe ukuyihlalutya itekisi ukuze kuvele indlela eyakhiwe neyakheke ngayo, oko ke kukuHlahluba. Kanti ke nakubahlohli lungaluncedo kuba lutyhila okuninzi ngesiThako Sohlahlubo-buNzululwazi-sakhono. Ekuxoxeni, isiThako sobuNzululwazi Mlando-mbali, kurhatyulwe kuso, ukuxhasa imiba ethile kuphando. Ingxoxo Yahlulwe yazizahluko ngolu hlobo: Isahluko sokuqala, sidandalazisa ingxubakaxaka ethunuke yandulula uphando olu. Kwabekwa iinjongo, iziphumo-njongo zophando nemibuzo ekuza kucangcathwa kuyo kuphando. Kwaphengululwa iincwadi zeengcali kwisi-Thako Sohlahlubo-buNzululwazi-sakhono, kwarhewulwa nesiThako sobuNzululwazi beeNkumbulo noMlando-mbali. Isahluko sesibini, luphendululo lweencwadi olunzulileyo nolunabileyo, kupendlwa izimvo ezimalunga nobuni besiThako Sohlahlubo-buNzululwazi-sakhono. Kubekelelwa, kucutyungulwa iingcingane zaso, ezibe ludondolo lophando. Isahluko sesithathu, yingxoxo. Kuphicothwa iinoveli ezichongelwe uphando, zihlahlutywa, kusetyenziswa iingcamango neengcingane zesiThako Sohla-hlubo-buNzululwazi-sakhono. Ikakhulu kuqwalaselwa indlela izibini ezichasana ngokulinganayo ezivela ngayo. Kuduliswa ukuminxiselwa kwezo zikwinqanaba elingezantsi. Isahluko sesine, ingxoxo iyaqhuba, kuqwalselwa ukusetyenziswa kwamaze-nge nemiqondiso, neentsingiselo ezivelayo, nokwahluka kwazo, okukhokelela ukuba utekisi ibe nobuvumephika. Isahluko sesihlanu, uphando luqhubeka kudandalaziswa ukusetyenziswa kwezandi, isigama sokuchaza nezafobe, nemifanekiso-ngqondweni eyakhiwa zezi zixhobo zoncwadi, ze kuphendlwe iintsingiselo nefuthe lazo kwitekisi. Isahluko sesithandathu sigxile ekusetyenzisweni kwembali kuncwadi, ngendlela evuselela iinkumbulo. Kuso nakuba kuhlahlutywa kodwa kunce-diswa ngokurhabula kwisiThako sobuNzululwazi beeNkumbulo noMlando-mbali.
- Format
- xiii, 386 leaves
- Format
- Publisher
- Nelson Mandela Metropolitan University
- Publisher
- Faculty of Arts
- Language
- English
- Rights
- Nelson Mandela Metropolitan University
- Hits: 3541
- Visitors: 3533
- Downloads: 325
Thumbnail | File | Description | Size | Format | |||
---|---|---|---|---|---|---|---|
View Details Download | SOURCE1 | Isithako sohlahlubo-bunzululwazi-sakhono kwiimbalo zikaSaule : iinoveli ezintathu = decontsructive stylistic critique of Saule' s writings : the case of three novels | 2 MB | Adobe Acrobat PDF | View Details Download |