- Title
- Uphicotho nzulu lokusetyenziswa kwamandla eempawu zesimiyotiki kwiinoveli ezichongiweyo zesiXhosa
- Creator
- Mvanyashe, Andiswa
- Subject
- Semiotics
- Subject
- Xhosa literature -- Research Folk literature, Xhosa
- Date Issued
- 2018
- Date
- 2018
- Type
- Thesis
- Type
- Doctoral
- Type
- DPhil
- Identifier
- http://hdl.handle.net/10948/32916
- Identifier
- vital:32397
- Description
- Olu phando lungesimiyotiki, oko ukutsho, ufundo-nzulu ngeempawu nemiqondiso. Le ngcingane yesimiyotiki ithi ixhaswe yingcingane yesemantiki, yesintaksi, neyepragmatiki kolu phando. Ezi ngcingane ziyahambisana kuba zonke zinento enye ezifana ngayo, ukushukuxa intsingiselo yeempawu nemiqondiso ngokwahlukana kwayo. Isimiyotiki ithi isetyenziswe ukuhlalutya ezi ncwadi zintathu zilandelayo zaba babhali: ekaJordan (1940) ethi Ingqumbo Yeminyanya, Ukuqhawuka kwembeleko nguD.M Jongilanga (1982) noUkuba ndandazile nguW.K Tamsanqa (1976). Uphando luthe lwahlulwa ngezihloko ezithandathu; isihloko sokuqala sinika ingcaciso yophando luphela; isihloko sesibini singena nzulu sicacise ingcingane esetyenzisiweyo yesimiyotiki kunye nezo ziyixhasayo; kwisihloko sesithathu kushukuxwa isimiyotiki nenkcubeko; kwisihloko sesine kushukuxwa isimiyotiki nemo yokumila; kwisihloko sesihlanu kushukuxwa isimiyotiki nepragmatiki; kwisihloko sesithandathu kushwankathelwa okanye kuququnjelwe yonke into - into ethe yaqhubeka kolu phando kunikwa neengcebiso eluntwini. Uphando luphela luzivelele iinkalo ezininzi zesimiyotiki kwaye lwaphendula nemibuzo yophando, lwafezekisa iinjongo zophando, lwafaka nomceli-mngeni kwabanye abaphandi abasaza kuphanda ngesimiyotiki. Kolu phando inkcubeko ibonakele kakhulu ukuba yinxenye yesimiyotiki kuba ibonisa imiqondiso neempawu ezinika intsingiselo.
- Format
- x, 261 leaves
- Format
- Publisher
- Nelson Mandela University
- Publisher
- Faculty of Arts
- Language
- Isixhosa
- Rights
- Nelson Mandela University
- Hits: 5984
- Visitors: 6019
- Downloads: 239
Thumbnail | File | Description | Size | Format | |||
---|---|---|---|---|---|---|---|
View Details Download | SOURCE1 | ANDISWA MVANYASHE.pdf | 2 MB | Adobe Acrobat PDF | View Details Download |