Uphononongo-nzulu ngonxulumano lwamaqhalo esixhosa nesimo sentlalo nendima yawo kuphuhliso lolwimi
- Authors: Dongwana, Nosicelo
- Date: 2019-04
- Subjects: Proverbs, Xhosa , Xhosa language -- Idioms , Xhosa language
- Language: Isixhosa
- Type: Master's theses , text
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/38745 , vital:34945
- Description: Olu phando luphonononga nzulu indlela amaqhalo anxulumene ngayo nesimosentlalo, kwanendlela athi asetyenziswe ngayo ukuphuhlisa ulwimi. Ingcinga ephambili nengundoqo wophando kukuguquka nokutshintsha kolwimi lwesiXhosa ngenxa yesimo sentlalo esingasafaniyo neso samandulo. Kolu phando kuqale kwavela ingcaciso yokuba liyintoni iqhalo, lubeka elubala iingongoma ezahlukileyo ngokwezimvo neembono zeengcali zolwimi nababhali. Lukhangela indima yesimo sentlalo kulwimi lugxininisa kumaqhalo nezaci zamandulo. Luzama kangako ukuphawula indlela ulwimi olunxibelelana ngayo nesimo-ntlalo kwakunye nendalo ngokubanzi. Luveza indima ephambili edlalwa ngamaqhalo nezaci kwinkcubeko nobomi besizwe samaXhosa ngokubanzi, lusebenzisa amaqhalo nezaci zamandulo tanci. Lubonisa ukuba ulwimi aluphelelanga ekubeni yintetho edala ukunxibelelana phakathi kwabantu kuphela, koko luyinqwelo ethwala uxanduva lokudlulusela ulwazi nenkcubeko yesizwe evezwa ngezisusa, imisitho namatheko esiNtu, ngeembali namabali abaliswe ngomlomo esebenzisa izaci namaqhalo, eziyinkcubeko yesizwe zona kuqala. Olu phando lubhentsisa elubala indlela ulwimi olulityathanga loqhagamshelwano ngayo phakathi komntu nendalo. Luvelisa pahaha iimeko zasekuhlaleni ezithe zanefuthe elingelihle kwindalo nezithe zabangela ukutshabalala kolwimi. Le meko iboniswa ngokucacilelyo igxininisa ekubeni nantoni eyenzeka ekuhlaleni ichaphazele ulwimi olusisithuthi sokuchaza oko kwenzekayo. Ukuguquka kwesimo-sentlalo ngenxa yefuthe lokufika kwabantu abaMhlophe kuyabonakaliswa lolu phando, luveza kananjalo iindlela neemeko ezithe zabonakala zichaphazela ukusetyenziwsa kwamaqhalo nezaci kulwimi lwesiXhosa. Ukuguquka v kwesimo-sentlalo okube ngunobangela wenguqu kulwimi lwesiXhosa kuvezwa apha ngokubonakalisa iimeko zokufa kwesigama sesiXhosa, ukulahleka kweentsingiselo zamaqhalo nezaci ngenxa yoku kutshintsha kobomi basendulo nokuba ezo zinto zazisakwalatha zingasekho, lilonke igama lingenanto isisihlahla elingathi likhombe okanye libhekise kuyo. Olu phando luzibeke phandle iindlela ezibe nefuthe lokudodobalisa ulwimi lwesiXhosa, nezinye iilwimi zemveli zeli laseMzantsi Afrika (ne-Afrika iphela) ngokuxutywa neelwimi zabaMhlophe. Indima edlalwe sisikolo ekucinezeleni iilwimi zethu thina baNtsundu ngokungasetyenziswa ngendlela efanelekileyo nokuthi abantwana abaselula kakhulu banyanzeleke ukuba balutyeshele ulwimi lwabo basebenzise olwasemzini. Zonke ezi ndlela zokungcikiva iilwimi zethu nezibe nalo ifuthe elingelihle kumaqhalo zithiwa thaca etafileni lolu phando. Ukuqwalasela iintetho ezingamaqhalo amatsha, izaci neentetho ezintsha ezinefuthe lobuKristu, isimo-sentlalo sasedolophini, ifuthe lesikolo nokuphangela yenye yeengongoma ezibalulekileyo ezixoxwa lolu phando. Ngokusebenzisa ezi meko zintsha zesimontlalo, sisebenzisa ezi lwimi zasemzini ngobuchule bengqondo nokuphangalala kolwazi lwethu ngolwimi lwethu, kubonakala njengenye yeendlela eziphucula ziphuhlise ulwimi lwethu. Ukusetyenziswa kumanye amaqonga asekuhlaleni kuphuhlisa kugxininise indima ebalulekileyo yezi ntetho zingamaqhalo nezaci esiXhosa, njengakubhalo lweencwadi, ukusetyenziswa kumaphepha-ndaba, nakusasazo lukanomathotholo noomabonwakude. Ukuqanjwa kweengoma namaculo ngawo, kuqaqambisa ixabiso lawo kubomi babantu abantetho isisiXhosa kuveziwe ziingxoxo ezithe xaxe kolu phando. vi Uluvo lweengcali lokuba ukusetyenziswa kwamaqhalo nezaci (amadala namatsha) ekufundiseni, ekuphuhliseni ushishino, ezinkonzweni kwiintshumayelo noqeqesho bashumyeli, ingayeyona ndlela igcina amaqhalo nezaci ilondoloze nenkcubeko yethu, ngolwimi lwethu luchatshazelwa lolu phando. Ubuchule bokubhala amaqhalo esiXhosa abesakuba yinxalenye yoncwadi lwemveli olube ludluliselwa kwizizukulwana ngobaliso lomlomo bukhankanyiwe, kwakunye nendima yemigaqo-ntetho yolwimi lwesiXhosa, lujonga indlela amaqhalo athi abunjwe ngayo enganxaxhanga kwimigaqo-ntetho yolwimi lwesiXhosa, koko ewaphuhlisa ngakumbi kubandakanywa kolu phando. Ndiyathemba ukuba olu phando luza kuba ngumchankcatho wocelo-mngeni kuphuhliso lolwimi lwesiXhosa ngamaqhalo nezaci, nayinkcubeko esisihombo solwimi lwesiXhosa, siwasebenzise ngendlela efanelekileyo sikhulise ulwimi lwethu sizidle ngalo sisazi ukuba singamelana nelizwe langomso. , Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Language, Media and Communication, 2019
- Full Text:
- Date Issued: 2019-04

Ungenelelwano leelwimi zaseafrika isixhosa nesishona kujoliswe kwifonoloji yamaqabane nezikhamiso
- Authors: Nenga, Thethelwa Maureen
- Date: 2019
- Subjects: Xhosa language -- Grammar , Shona language -- Grammar African languages -- Africa African languages -- Africa, Southern
- Language: Isixhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/45216 , vital:38333
- Description: Lo msebenzi uza kusebenza njengelinge lokuvumbulula kuhlahlelwa iimbonakalo ezithi ziphuhliswe ngabantu abathi benalo ulwimi olulolwabo lokuzalwa nolulolweenkobe, bathi banyanzelwe ziimeko zeentshukumo ezithile zentlalo bazibhaqe befunda ukuthetha nokubhala ulwimi lwabanye abantu. Kuye ke kuthi kwimigudu yabo yokuphimisela izandi kubekho ubunzima kuphimiselo lwezandi ezithile zolu lwimi bajolise ukulufunda nokulazi. Ulwimi lwabo luthi ludlale indima ephambili kuphimiselo lwezandi zolu lwimi lutsha bajolise ukulufunda nokulazi, (Lado 1957:77) kananjalo kuphawuleka ukuba kukho ukunxaxha okuthile kubizo nakubhalo lwezandi ezithile kulwimi abajolise ukulazi. Le ngcingane yokunxaxha kolwimi ethatyathwa njengenyaniso engekaqinisekiswa nethe yaveliswa ngabantu abathi benalo ulwimi olulolwabo kwiinzame zabo zokuthetha nokubhala ulwimi lwabanye abantu, iye yayimbangi nesizekabani sokuba kube kuthatyathwa uhambo olude lophando ziingcali zabaphandi beelwimi. Mandulo phaya oku kunxaxha kulwimi kwakubonwa njengesenzo esilisikizi nomqobo kwiinkqubo zokufunda ulwimi. Kuthe ngenxa yokuhamba kwamaxesha oosozilwimi baphawula ukuba oku kunxaxha makungathatyathwa njengeziphoso ezifuna ukulungiswa koko makuthatyathwe njengenyathelo lolwimi eliqhelekileyo nelingenakuthintelwa. Ngokweengcali zeelwimi kukholeleka ukuba oku kunxaxha kububungqina besixokelelwano solwimi esibalulekileyo kwiinkqubo zokufunda ulwimi. Kungoko kubalulekile ukuba kugqogqwe kucutyungulwe iincwadi zezi ngqwemla zilandelayo, uCoder (1967), uSelinker (1972), uTarone (1979), uNemser (1971), uChomsky (1965) kunye nezinye iingcali. Zezi ncwadi eziza kuphuhlisa ukunxaxha kolwimi okufuthelwa ziimeko ngeemeko njengoko ezi ngqwemla zicacisa. Ikwalolu phando oluza kushukuxa iinguqulelo-zandi ezithi zenzeke kubantu abantetho isisiShona xa bezama ukuthetha ulwimi lwesiXhosa ngokwefonoliji nethi yona ijongane neendlela ezithi izandi zifuthelane ngayo.
- Full Text:
- Date Issued: 2019

- «
- ‹
- 1
- ›
- »