- Title
- Uphicotho-nzulu ngokusetyenziswa kolwimi ngababhali bezini ezahlukeneyo kwiincwadi zesixhosa ezikhethiweyo
- Creator
- Fali, Nompumelelo Winnifred
- Subject
- Xhosa language -- Usage
- Subject
- Gender identity in literature Xhosa literature -- Research
- Date Issued
- 2018
- Date
- 2018
- Type
- Thesis
- Type
- Masters
- Type
- MA
- Identifier
- http://hdl.handle.net/10948/29871
- Identifier
- vital:30787
- Description
- Uphando luza kugxininisa kwindlela yokusetyenziswa kolwimi ngababhali bezini ezahlukeneyo. Ulwazi olukhoyo kolu phando lujolise ekuphandeni, uphicotho–nzulu kuphononongwa iincwadi zesiXhosa ezikhethiweyo. Phambi kokuba kujongwe okuqulathiweyo ngababhali bezini kufuneka kujongwe kuqwalaselwe indlela ababhali abasebenzisa ngayo ulwimi. Kuza kujongwa nendlela ababazoba ngayo abalinganiswa kuncwadi ingakumbi ababhali abangamadoda, kuba kubalulekile kujongwe indlela abazotywa ngayo kwakunye nolwimi ukuze kube lula ukuqonda indlela olwakhiwe ngayo uphando. Ngokutsho kukaStralton, (1990:98) abalinganiswa basetyhini bakhiwa ngeendlela ezininzi maxa wambi babizwa ngendlela apho eneengcinga ezineentetho ezisoloko zisetyenziswa ezingalunganga, kwanokungalingani kwezini kuba yingxaki esoloko ikho amaxesha amaninzi. Uqhubeka athi abalinganiswa basetyhini bazotywe njengoomama ababopheleleke emakhaya, kodwa benoxanduva lokujonga amakhaya, abantwana, abayeni kwanabantu bomzi. Indawo yabasetyhini ibonwa njengeyokuba isekhitshini apho soloko besebenza khona. Uphinda oleke ngelithi ababhali abangamadoda batyibela abalinganiswa basetyhini njengabantu abangathembekanga ekwenzeni okulungileyo kwanokutyhefa okanye ukungcolisa uluntu entlalweni. ULeslie (1987:05) ucacisa banzi ngabantu basetyhini athi bangabalinganiswa abazotywa kubhalo-ncwadi njengabantu abamele “oomama abaswiti” abavuma yonke into engavumelekanga okanye engathandekiyo kwaye ngabantu abazinikelayo bancame ubom babo. Esi siqu sika“mama” uLeslie (1987:15) uthetha ngaso ehlanganisa “umama waseAfrika” onobuhle ngaphakathi nangaphandle ukwakhiwa kwakunye nokuhlaziyeka kwakhe. Isiqu esihle, uyaphinda-phinda ukuthi, abasetyhini banomonde kwakunye nothando olunovakalelo, indlela ebonakalisa ubunjani babo. Abalinganiswa abaninzi basetyhini bamiswa ziingcinga neentetho ezisoloko zisetyenziswa zezini ukwenzela imigudu nemizamo yabo yokwenyuka itsalelwe ezantsi kubekho imibuzo engenampendulo.
- Format
- viii, 174 leaves
- Format
- Publisher
- Nelson Mandela University
- Publisher
- Faculty of Arts
- Language
- Isixhosa
- Rights
- Nelson Mandela University
- Hits: 3770
- Visitors: 3881
- Downloads: 176
Thumbnail | File | Description | Size | Format | |||
---|---|---|---|---|---|---|---|
View Details Download | SOURCE1 | NOMPUMELELO WINNIFRED FALI.pdf | 1 MB | Adobe Acrobat PDF | View Details Download |