- Title
- Uphononongo nzulu lwefuthe lempatho-mbi kubalinganiswa kwiincwadi ezichongiweyo zesiXhosa
- Creator
- Ngaleka, Nontobeko Priscilla
- Subject
- Xhosa fiction -- Research -- 21st century
- Subject
- Xhosa fiction -- 21st century -- History and criticism Marriage in literature Abused women in literature Criticism Literature -- Philosophy
- Date Issued
- 2019
- Date
- 2019
- Type
- Thesis
- Type
- Masters
- Type
- MA
- Identifier
- http://hdl.handle.net/10948/41819
- Identifier
- vital:36600
- Description
- Olu phando luza kucazulula ifuthe lempatho-mbi kwizimo zabalinganiswa kuza kujongwa iimeko zokuhlala nempembelelo yazo. Kuza kujongwa ngeliso elibanzi iingxaki ezizalwa yimpatho-mbi kwalapha kuza kuqwalaselwa ukuba abalinganiswa bachaphazeleka njani. Uphando luza kuphengulula incwadi kaDlulani ethi, ‘Ulimile nje uza kuvuna’, ekaGwegwe ethi, ‘Nosel’eyibethile akakayoji’, ekaMagqashela ethi, ‘Isangxa siyawhuza’, ekaSankqela ethi, ‘Kazi yozala nkomoni’ nekaThuthani ethi, ‘Nal’ilanga’. Apha kwezi ncwadi kuza kuhlutywa ifuthe lempatho-mbi kwizimo zabalinganiswa. Isahluko sokuqala kuza kunikwa amagqabantshintshi ngophando olu. Esi sahluko siphethe. Ingabula zigcawu, Iinjongo zophando, Ingxaki yolu phando, Imibuzo yophando, Indlela oluza kuqhutywa ngayo uphando, Izimvo zabanye ababhali, Ingcaciso yamagama. Isahluko sesibini apha sifumana isiseko sengcingane yobume bengqondo, eluphahla loluphando kunye nengcingane yempatho-mbi. Sifumane neengcingane ezoyamileyo ingcingane yokuqonda, eyenkcubeko neyokuhlala. Isahluko sesithathu siqulethe iingxaki ezizala utshintsho kwizimo zabalinganiswa. Isahluko sesine sona sizisa iziphumo zempatho-mbi kwizimo zabalinganiswa. Isahluko sesihlanu sishwankathela sizise iziphumo zophando, kunikwe umkhombandlela kuqukunjelwe uphando.
- Format
- ix, 175 leaves
- Format
- Publisher
- Nelson Mandela University
- Publisher
- Faculty of Arts
- Language
- Isixhosa
- Rights
- Nelson Mandela University
- Hits: 3357
- Visitors: 3525
- Downloads: 250
Thumbnail | File | Description | Size | Format | |||
---|---|---|---|---|---|---|---|
View Details Download | SOURCE1 | NONTOBEKO PRISCILLA NGALEKA.pdf | 1 MB | Adobe Acrobat PDF | View Details Download |