- Title
- Ifuthe leelwimi kwimpumelelo yabafundi bebanga leshumi elinambini kwizifundo zejiyografi(sezelizwe) kwizikolo ezibini ezichongiweyo kwisithili saseMonti
- Creator
- Gcaki, Nomnqakati
- Subject
- Port Elizabeth (South Africa)
- Subject
- Eastern Cape (South Africa)
- Subject
- South Africa
- Date Issued
- 2022-04
- Date
- 2022-04
- Type
- Master's theses
- Type
- text
- Identifier
- http://hdl.handle.net/10948/55342
- Identifier
- vital:51915
- Description
- Isahluko sokuqala sixoxa ngengxaki yophando esi siseko kolu phando, nemibuzo yophando kunye neenjongo zokuba isifundo esikhoyo sifuna ukufezekisa ntoni. Ngokunxulumene nengxaki ephandwayo, esi sahluko sigxile kuphononongo loncwadi ukuze kuhlolwe ubudlelwane phakathi kolwimi lokufundisa kunye nempumelelo yabafundi kwiBanga le-12 kwisifundo seJiyografi. Ukuhlolwa koncwadi kuthathwe kwimigaqo-nkqubo yokufundisa kunye neethiyori zophuhliso lokuqonda nenkcubeko. Inkqubo yeethiyori ezikhethiweyo zisetyenziselwa ukwenza ingqiqo yokuba ulwimi lokufundisa luba nefuthe njani ekufundiseni nasekukhuleni kwengqondo nokuqiqa komfundi. Ngophononongo loncwadi, umphandi unqwenela ukufumanisa ubunzima abahlangabezana nabo abafundi ekufundeni iJiyografi ngolwimi lwesiNgesi kwiBanga leshumi elinesibini. Olu phando luza kuphonononga nzulu ifuthe leelwimi kwimpumelelo yabafundi kwisifundo seJiyografi kubafundi besigaba seshumi elinambini kujoliswe kwindlela abaphumelela ngayo kwiimviwo zokuphela konyaka.Olu phando luza kujongwa kwizikolo ezibini kwiphondo leMpuma Koloni kwisithili saseMonti phakathi kweminyaka wama-2016 ukuya kuma-2018.Ngokophando esele lwenziwe, abafundi abalwimi lwabo lwasekhaya lusisiXhosa kufanele ukuba bafundiswa ngolwimi lwabo abazikhethele lona ukutsho oko isiXhosa kwaye bavavanywe kwangalo. Oku akunjalo njengoko amaphepha abo ovavanyo engolwimi lwesiNgesi, lwimi olo olufika lubabeke phantsi konxinzelelo olukhulu olubenza bangabinakho ukuzithemba nokuziva bekhululekile xa bephendula imibuzo emagumbini okufundela. Umphandi olu luvo uluseka ngengxelo ayifumene kumaxwebhu eSebe lezeMfundo (2018 NSC Chief Markers Report) yesifundo seJiyografi iphepha lokuqala.
- Description
- Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Language, Media and Communication, 2022
- Format
- computer
- Format
- online resource
- Format
- application/pdf
- Format
- 1 online resource (178 pages)
- Format
- Publisher
- Nelson Mandela University
- Publisher
- Faculty of Humanities
- Language
- English
- Rights
- Nelson Mandela University
- Rights
- All Rights Reserved
- Rights
- Open Access
- Hits: 2109
- Visitors: 2158
- Downloads: 138
Thumbnail | File | Description | Size | Format | |||
---|---|---|---|---|---|---|---|
View Details Download | SOURCE1 | Gcaki, N.pdf | 2 MB | Adobe Acrobat PDF | View Details Download |