- Title
- Ingqiqo yamanina kuxanduva lokusiphula neengcambu ugonyamelo nokuxhatshazwa: Uhlalutyo lweetekisi ZesiXhosa ezicatshulwe kuncwadi olubhalwe ngamanina (1976-2015)
- Title
- The intellectual responsibility of women in challenging domination and abuse: the analysis of the isiXhosa sampled texts authored by women (1976-2015)
- Creator
- Bilatyi, Katy Nomthandazo
- Subject
- Women authors, Black South Africa
- Subject
- Women, Black Abuse of South Africa
- Subject
- Intellectual responsibility
- Subject
- Xhosa literature History and criticism
- Subject
- Women, Black, in literature
- Date Issued
- 2024-04-04
- Date
- 2024-04-04
- Type
- Academic theses
- Type
- Doctoral theses
- Type
- text
- Identifier
- http://hdl.handle.net/10962/435582
- Identifier
- vital:73170
- Identifier
- DOI 10.21504/10962/435582
- Description
- Uphando luza kuqwalasela ingqiqo yamanina kuxanduva lokusiphula neengcambu ugonyamelo nokuxhatshazwa kwawo ngamadoda. Ingxoxo iza kugxila kubabhali abangamanina beencwadi zesiXhosa ezicatshulweyo kolu phando, nalapho kuqwalaselwa indlela ababazoba ngayo abalinganiswa babo abangamanina. Kule ngxoxo kuqwalaselwa indlela ababhali abangamanina abafana noBelebesi (1976), Dazela (1988), Magadla (1992) Madolo (1998), Mayosi (2003), Magqashela (2006) kunye noBuzani (2015) abathe babazoba ngayo abalinganiswa abangamanina kwiincwadi zesiXhosa ezicatshuliweyo. Oku kukutyhila ubukrelekrele bababhali ekusebenziseni uncwadi ukuzisa izisombululo kwimingeni ajamelene nayo amanina efana nogonyamelo kunye noxhatshwazo. Obu bukrelekrele baba babhali bujongwa ngokweembali ezimbini, imbali yaphambi kozuzo lwenkululeko emva kongenelelo lobuKoloniyali kunye neyasemva kozuzo lwenkululeko yaseMzantsi Afrika. Iincwadi ezikhethiweyo zibhalwe phakathi kweminyaka ye-1976 ukuya kwiminyaka yama-2015. Uphando luya kujonga ukuba lungaba lukhona utshintsho kusini na kwindlela la manina ababazoba ngayo abalinganiswa ngokwezi mbali zahlukileyo kananjalo naxa bezotywa ngababhali abangamadoda. Uphando luya kutyhila kananjalo imixholo nemixholwana abayikhethayo nedlulisa iimvakalelo zabo bengamanina kumbandela wogonyamelo olukhatshwa yipatriyakhi kunye noxhatshazo abalufumana kumadoda. Xa kuphendlwa le mixholo yaba babhali bahlukileyo baneemvelaphi ezahlukileyo ngokwemontlalo bebhala ngokwamaxesha okanye iimbhali ezahlukileyo, kuya kucaca ukuba amava abo ayafana nokuba linina okanye ibhinqa. Loo mava abo anele ukuba bajikeleze kwimixholo ebizwa ngokuba yifeminist themes nakubeni izimbo zabo zokubhala zahlukile nje. Injongo kukubonisa ukuba nangona amanina aphila phantsi kweemeko neemontlalo ezahlukileyo nje, iinzima neentlungu zawo azisombulula ngendlela efanayo ngokusebenzisa usiba. Le ngxoxo ikhatshwa ziithiyori ezifana nefemayinizimu, ngakumbi ifemayinizimu yaseAfrika kunye kunye nangokoMzantsi Afrika iquka iMotherism kunye nenkcubeko ephehlelelwe phantsi kwePatriyakhi. Ezi thiyori ziludondolo lokuphendla nokuhlalutya ezi ncwadi zikhethiweyo zesiXhosa ukuze sicacelwe yeyona ndima idlalwa ngamanina kuluntu nanjengoko sisazi ukuba apha eMzantsi Afrika adlale eyona ndima yokuncedisa ekuziseni utshintsho kwimibandela yengcinezelo nasekuzuzweni kwenkululeko. Yiyo loo nto kufuneka nawo abonakale exhamla ngokulinganayo namadoda kwinkululeko ayisebenzeleyo ngokususa ugonyamelo, uxhatshazo nokubulawa kwawo ngamadoda.
- Description
- Thesis (PhD) -- Humanities, School of Languages and Literatures, 2024
- Format
- computer
- Format
- online resource
- Format
- application/pdf
- Format
- 1 online resource (269 pages)
- Format
- Publisher
- Rhodes University
- Publisher
- Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures
- Language
- Xhosa
- Rights
- Bilatyi, Katy Nomthandazo
- Rights
- Use of this resource is governed by the terms and conditions of the Creative Commons "Attribution-NonCommercial-ShareAlike" License (http://creativecommons.org/licenses/by-nc-sa/2.0/)
- Hits: 1569
- Visitors: 1560
- Downloads: 53
Thumbnail | File | Description | Size | Format | |||
---|---|---|---|---|---|---|---|
View Details Download | SOURCE1 | BILATYI-PHD-TR24-64.pdf | 1 MB | Adobe Acrobat PDF | View Details Download |