- Title
- Uphandonzulu malunga nokutyeshelwa kokufundiswa kolwimi lwesixhosa kwizikolo ezazibizwa model C
- Creator
- Notuku, Liza
- Subject
- Xhosa language -- Study and teaching (Secondary) -- South Africa
- Subject
- Xhosa language -- Study and teaching (Elementary) Multicultural education -- South Africa Native language and education -- South Africa
- Date Issued
- 2019
- Date
- 2019
- Type
- Thesis
- Type
- Masters
- Type
- MA
- Identifier
- http://hdl.handle.net/10948/42803
- Identifier
- vital:36693
- Description
- Olu phando lusekelezelwe ukubuyisela inkcubeko yabaNtsundu esele bephulukene nayo ngenxa yokulandela iilwimi zaseNtshona. Ngokwenkcubeko yeMveli kubalulekile ukuba umntu azazi izithethe, amasiko nenkcubeko yakhe ngobubanzi. Ukuzazi kuya kumnceda umntu asinde kwimikhuba nemikhwa ebonwa komabonakude neviwa koonomathotholo imihla nezolo. Kolu phando ulwimi lusetyenziswa njengesixhobo sokunqanda ukwehla komgangatho womntu oMnyama phakathi kwezinye iintlanga ngenxa yokungahoywa kolwimi lwesiXhosa. Uphando luthwele inkuthazo yokufakwa kolwimi lwesiXhosa kwikharityhulam yokufunda nokufundisa kwizikolo ezikumbindi wedolophu. Intsusamabandla yolu phando kukubona indlela abafundi abaMnyama abafunda kwizikolo ezazibizwa ngooModel C abalahlekelwa ngalo lulwimi lwabo lweenkobe ngenxa yokutyeshelwa kwalo. Lukwabonisa abazali babantwana ubungozi bokufunda ngolwimi olongezelelweyo, lwimi olo lwenza abantwana bangaphuhli ngokupheleleyo njengoko besenza abantwana abafunda ngolwimi lwabo lweenkobe. Ubungozi ngokufunda ngolwimi lo mnye umntu kukuba abantwana abazuzi izakhono ngokulinganayo kuba lo ungafundi ngolwimi lwakhe uya sokola, aphele engaphantsi ngokomgangatho kulo ufunda ngolwimi lwakhe lweenkobe. Uphando olu lukwasisilumkiso nangendlela olulahleka ngalo ulwimi lude lube kanti luya phela ngenxa yokunyevulelwa kwangabo aba balo. Loo nto ibenza baphulukane kwanezinto esele benazo basale bezimpula zikalujacu. Olu xwebhu luyinkuthazo kumzi wonke wakwaXhosa ukuba kucingwe nzulu nangokutsha ngokusetyenziswa kolwimi lwabo ukuze ukwazi ukuthatha inxaxheba kubutyebi beli lizwe. Lo msebenzi ndiwunikela kuni mzi wakwaXhosa ngethemba lokuba nakukhe nizirhabulele kulo vimba uzele yingqaka nibuye niwonwabele.
- Format
- v, 150 leaves
- Format
- Publisher
- Nelson Mandela University
- Publisher
- Faculty of Arts
- Language
- Isixhosa
- Rights
- Nelson Mandela University
- Hits: 4851
- Visitors: 4933
- Downloads: 405
Thumbnail | File | Description | Size | Format | |||
---|---|---|---|---|---|---|---|
View Details Download | SOURCE1 | Liza Notuku.pdf | 1 MB | Adobe Acrobat PDF | View Details Download |