- Title
- Uphando ngenxaxheba yemithombo yosasazo ekwakheni nasekuqambeni isigama esitsha: lugxile kunomathotholo, uMhlobo Wenene kwinkqubo iBreakfast eyondlayo ekuseni
- Creator
- Ntlantsana, Likona
- Subject
- Sociolinguistics -- South Africa -- Eastern Cape
- Subject
- Language and languages—Phonetic transcriptions
- Subject
- Xhosa language--Grammar
- Date Issued
- 2024-04
- Date
- 2024-04
- Type
- Master's theses
- Type
- text
- Identifier
- http://hdl.handle.net/10948/63451
- Identifier
- vital:73367
- Description
- Olu phando luhlola amandla emithombo yosasazo ekwakheni nasekuqambeni isigama. Lukwenze oku ngokuphanda ngendlela abantu abawabona ngayo amagama amatsha esiXhosa aveliswe kunomathotholo, Umhlobo Wenene kwinkqubo iBreakfast Eyondlayo Ekuseni. Esi sifundo sikhangela ukwamkeleka kwala magama kuluntu. Oku kwenziwe ngokuthi kwenziwe udliwanondlebe lobuso ngobuso leqela elingqalileyo oluthe ngqo nabasasazi kunye nabaphulaphuli.Uphando lungqiyame lwaqamela ngendlela yophando edibanisa uphando olujolise kumanani nobalo kunye nophando olujolise kwinkcazo nakubunjani. Olu phando lwenziwe kwiidolophu ezimbini, iTsomo neGqeberha. Zombini ezi dolophu zikwiphondo leMpuma Koloni, eMzantsi Afrika apho abahlali abaninzi bathetha isiXhosa. ITsomo yidolophu esemaphandleni enezinga eliphantsi labantu abathetha ezinye iilwimi ngaphandle kwesiXhosa. Ngoko ke isiXhosa lolona lwimi lutshilayo eTsomo. EGqeberha kulapho Umhlobo Wenene ukhoyo. Ukusebenzisa abantu abasuka kwiindawo ezahlukeneyo kuveza iimbono ezahlukileyo ezithe zanceda ukuphendula iinjongo zolu phando. Injongo yolu phando kukukhangela inxaxheba yonomathotholo, Umhlobo Wenene ekukhuliseni ulwimi lwesiXhosa lugxile kwinkqubo iBreakfast Eyondlayo Ekuseni (BEE). Uphando luza kujolisa kumagama aveliswe kunomathotholo, Umhlobo Wenene kwinkqubo iBreakfast Eyondlayo Ekuseni. Iziphumo zophando kufikelelwe kuzo ngokuthi kuthelekiswe iimpendulo zabo kuvele isisombululo sengxaki yophando kuzo. Oku kuthe kwanceda ukuphendula umbuzo wophando ofuna ukuqonda ukuba ingaba unomthotholo, Umhlobo Wenene kwinkqubo iBreakfast Eyondlayo Ekuseni udlala inxaxheba ekhukhuliseni ulwimi lwesiXhosa? Kuyabonakala okokuba ngokwendlela asetyenziswa ngayo amagama aveliswe ngabasasazi kwinkqubo iBreakfast Eyondlayo Ekuseni abaphulaphuli bayawuvuyela kwaye bawaphindisela kubasasazi.
- Description
- Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Language, Media and Communication, 2024
- Format
- computer
- Format
- online resource
- Format
- application/pdf
- Format
- 1 online resource (v, 140 pages)
- Format
- Publisher
- Nelson Mandela University
- Publisher
- Faculty of Humanities
- Language
- English
- Rights
- Nelson Mandela University
- Rights
- All Rights Reserved
- Rights
- Open Access
- Hits: 234
- Visitors: 249
- Downloads: 27
Thumbnail | File | Description | Size | Format | |||
---|---|---|---|---|---|---|---|
View Details Download | SOURCE1 | NTLANTSANA,LS April 2024.pdf | 1 MB | Adobe Acrobat PDF | View Details Download |