- Title
- Ungenelelwano leelwimi zaseafrika isixhosa nesishona kujoliswe kwifonoloji yamaqabane nezikhamiso
- Creator
- Nenga, Thethelwa Maureen
- Subject
- Xhosa language -- Grammar
- Subject
- Shona language -- Grammar African languages -- Africa African languages -- Africa, Southern
- Date Issued
- 2019
- Date
- 2019
- Type
- Thesis
- Type
- Masters
- Type
- MA
- Identifier
- http://hdl.handle.net/10948/45216
- Identifier
- vital:38333
- Description
- Lo msebenzi uza kusebenza njengelinge lokuvumbulula kuhlahlelwa iimbonakalo ezithi ziphuhliswe ngabantu abathi benalo ulwimi olulolwabo lokuzalwa nolulolweenkobe, bathi banyanzelwe ziimeko zeentshukumo ezithile zentlalo bazibhaqe befunda ukuthetha nokubhala ulwimi lwabanye abantu. Kuye ke kuthi kwimigudu yabo yokuphimisela izandi kubekho ubunzima kuphimiselo lwezandi ezithile zolu lwimi bajolise ukulufunda nokulazi. Ulwimi lwabo luthi ludlale indima ephambili kuphimiselo lwezandi zolu lwimi lutsha bajolise ukulufunda nokulazi, (Lado 1957:77) kananjalo kuphawuleka ukuba kukho ukunxaxha okuthile kubizo nakubhalo lwezandi ezithile kulwimi abajolise ukulazi. Le ngcingane yokunxaxha kolwimi ethatyathwa njengenyaniso engekaqinisekiswa nethe yaveliswa ngabantu abathi benalo ulwimi olulolwabo kwiinzame zabo zokuthetha nokubhala ulwimi lwabanye abantu, iye yayimbangi nesizekabani sokuba kube kuthatyathwa uhambo olude lophando ziingcali zabaphandi beelwimi. Mandulo phaya oku kunxaxha kulwimi kwakubonwa njengesenzo esilisikizi nomqobo kwiinkqubo zokufunda ulwimi. Kuthe ngenxa yokuhamba kwamaxesha oosozilwimi baphawula ukuba oku kunxaxha makungathatyathwa njengeziphoso ezifuna ukulungiswa koko makuthatyathwe njengenyathelo lolwimi eliqhelekileyo nelingenakuthintelwa. Ngokweengcali zeelwimi kukholeleka ukuba oku kunxaxha kububungqina besixokelelwano solwimi esibalulekileyo kwiinkqubo zokufunda ulwimi. Kungoko kubalulekile ukuba kugqogqwe kucutyungulwe iincwadi zezi ngqwemla zilandelayo, uCoder (1967), uSelinker (1972), uTarone (1979), uNemser (1971), uChomsky (1965) kunye nezinye iingcali. Zezi ncwadi eziza kuphuhlisa ukunxaxha kolwimi okufuthelwa ziimeko ngeemeko njengoko ezi ngqwemla zicacisa. Ikwalolu phando oluza kushukuxa iinguqulelo-zandi ezithi zenzeke kubantu abantetho isisiShona xa bezama ukuthetha ulwimi lwesiXhosa ngokwefonoliji nethi yona ijongane neendlela ezithi izandi zifuthelane ngayo.
- Format
- vi, 130 leaves
- Format
- Publisher
- Nelson Mandela University
- Publisher
- Faculty of Humanities
- Language
- Isixhosa
- Rights
- Nelson Mandela University
- Hits: 3014
- Visitors: 3854
- Downloads: 1413
Thumbnail | File | Description | Size | Format | |||
---|---|---|---|---|---|---|---|
View Details Download | SOURCE1 | Nenga, TM 213454734 Dissertation Dec 2019.pdf | 1 MB | Adobe Acrobat PDF | View Details Download |