Uphononongo nzulu lwefuthe lempatho-mbi kubalinganiswa kwiincwadi ezichongiweyo zesiXhosa
- Ngaleka, Nontobeko Priscilla
- Authors: Ngaleka, Nontobeko Priscilla
- Date: 2019
- Subjects: Xhosa fiction -- Research -- 21st century , Xhosa fiction -- 21st century -- History and criticism Marriage in literature Abused women in literature Criticism Literature -- Philosophy
- Language: Isixhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/41819 , vital:36600
- Description: Olu phando luza kucazulula ifuthe lempatho-mbi kwizimo zabalinganiswa kuza kujongwa iimeko zokuhlala nempembelelo yazo. Kuza kujongwa ngeliso elibanzi iingxaki ezizalwa yimpatho-mbi kwalapha kuza kuqwalaselwa ukuba abalinganiswa bachaphazeleka njani. Uphando luza kuphengulula incwadi kaDlulani ethi, ‘Ulimile nje uza kuvuna’, ekaGwegwe ethi, ‘Nosel’eyibethile akakayoji’, ekaMagqashela ethi, ‘Isangxa siyawhuza’, ekaSankqela ethi, ‘Kazi yozala nkomoni’ nekaThuthani ethi, ‘Nal’ilanga’. Apha kwezi ncwadi kuza kuhlutywa ifuthe lempatho-mbi kwizimo zabalinganiswa. Isahluko sokuqala kuza kunikwa amagqabantshintshi ngophando olu. Esi sahluko siphethe. Ingabula zigcawu, Iinjongo zophando, Ingxaki yolu phando, Imibuzo yophando, Indlela oluza kuqhutywa ngayo uphando, Izimvo zabanye ababhali, Ingcaciso yamagama. Isahluko sesibini apha sifumana isiseko sengcingane yobume bengqondo, eluphahla loluphando kunye nengcingane yempatho-mbi. Sifumane neengcingane ezoyamileyo ingcingane yokuqonda, eyenkcubeko neyokuhlala. Isahluko sesithathu siqulethe iingxaki ezizala utshintsho kwizimo zabalinganiswa. Isahluko sesine sona sizisa iziphumo zempatho-mbi kwizimo zabalinganiswa. Isahluko sesihlanu sishwankathela sizise iziphumo zophando, kunikwe umkhombandlela kuqukunjelwe uphando.
- Full Text:
- Date Issued: 2019

Uphononongo-nzulu lwentsingiselo efihlakeleyo kulwimi lweencwadi ezikhethiweyo zesixhosa
- Authors: Siwisa, Luyanda Luancia
- Date: 2019
- Subjects: Xhosa literature -- Research , Meaning (Philosophy) in literature Symbolism in literature
- Language: Isixhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/43413 , vital:36876
- Description: Olu phando luza kuthi lugxile kuphononongo lwentsingiselo efihlakeleyo ekusetyenzisweni kolwimi kwiincwadi ezikhethiweyo zesiXhosa. Isizathu sokusebenzisa ezi ncwadi kukubona ukuba ababhali bazo babe nendlela ethile ethi izalane ekubhaleni iincwadi zabo. Ikakhulu aba babhali baza kutyhilwa kungekudala baphume izandla ekusebenziseni ulwimi oluntsonkothileyo kwaye ekungelula kulowo uzifundayo ukukhawuleza ayazi intsingiselo. Loo nto iyodwa iye yakhokelela ekubeni umphandi abe nomdla ekucubunguleni le ntsingiselo kwezi ncwadi zabo. Ezona zinto zingundoqo uphando oluza kuthi lugxininise kuyo, lulwimi kuba lulo olungundoqo wolu phando nangona uphando lona luza kuqwalasela intsingiselo efihlakeleyo. Le ntsingiselo iza kuqwalaselwa kusetyenziswa ulwimi. Ulwimi sesona sixhobo siphuhlisa ngalo iingcamango ezingundoqo zentsingiselo efihlakeleyo. Ukuba asinakulusebenzisa ulwimi, oyena nobangela wokubhala awusoze uphunyezwe luphando. Yile nto uphando kunyanzelekile ukuba lungene nzulu kulwimi, ingakumbi kwisimantiki yona ijongene nentsingiselo. Uphando luza kubetha nje koomofu kumasuntswana elingwistiki angala, ifonetiki, ifonoloji, imofoloji, isimantiki, isintaksi nepragmatiki njengoko kufuneke lujongisise ulwimi ngokubanzi. Luphinde lujonge intsingiselo engundoqo nentsingiselo efihlakeleyo yamagama kwisivakalisi kodwa lona uphando lube lujolise ekutyhileni intsingiselo efihlakeleyo kwiincwadi ezikhethiweyo. Owona ndoqo kukujonga iintsingiselo ezimbini ezahlukeneyo kulwimi. Kukho intsingiselo yolwimi ubani anakho ukuyijonga njengoko eyiva okanye eyibona kuphinde kubekho intsingiselo ethi ifihlakale leyo ke ubani angasayi kukhawuleza ayibone de abe kanti uzikisa ukucinga. Uphando luza kukekelela kwiintsingiselo ezimbolo-mbini kuba lufumanisa ukuba igama elinye liyakwazi ukutshintsha intsingiselo yonke yesivakalisi. Koko kubalulekile ukuba uphando luchaphazele oomabizwafane noomabizwahluke kuba bangayijika intsingiselo yesivakalisi. Kwakhona uphando luza kujonga indlela yentsingiselo apho isivakalisi siye sivakale ngendlela ethile ezindlebeni zalowo ufunda loo tekisi, abe umbhali engajolisanga kuloo mxholo umfundi yena awuve ngendlela yakhe. Kolu phando kuyanyanzeleka kucutyungulwe indlela ababhali abalusebenzisa ngayo ulwimi olufihlakeleyo kwiincwadi ezikhethiweyo. Ezi ntsingiselo zifihlakeleyo zingavezwa ngeendlela ezininzi ezizezi; imifanekiso ntelekelelo/imifanekiso ngqondweni, ngemiqondiso, izigqebelo, amaphupha, indalo, uphawu nezafobe ezithile. Zonke ezi mpawu zikhankanyiweyo ngentla zizo eziza kuthi zijongwe kwezi ncwadi zaba babhali. Isimiyotiki yona kuza kuthi kudlulwe kuyo kuba yona nesimantiki ziyathungelana asikwazi ukuthetha ngentsingiselo efihlakeleyo yolwimi sijike siyishiye isimiyotiki. La macandelo kuza kucaciswa ukubonisa imvelaphi yolwimi kodwa kungagxilwanga kuwo.