- Title
- Uphononongo ngokobunzululwazi bume-ntlalo befuthe lasentshona kule mihla kwiincwadi zedrama: ekaqangule esihloko sithi “amaza” nekatamsanqa ethi “buzani kubawo.”
- Creator
- Somkebe, Pindo Cynthia
- Subject
- Xhosa drama -- Criticism and interpretation Xhosa literature
- Date Issued
- 2017
- Date
- 2017
- Type
- Thesis
- Type
- Masters
- Type
- MA
- Identifier
- http://hdl.handle.net/10948/20844
- Identifier
- vital:29406
- Description
- Umba wokuguquka kwamaxesha nefuthe laseNtshona kudale uqhankqalazo, ungquzulwano novukelwano oludale unxunguphalo phakathi komzali nomntwana wakhe. Olu phando lugxile kakhulu kwincwadi kaTamsanqa ethi ‘Buzani kubawo’ nekaQangule ethi ‘Amaza’. Kuyafumaniseka ukuba ungquzulwano kwezi Drama zimbini lwenziwe kukudibana kwenkcubeko yaseNtshona neyemveli, zangquzulana. Abalinganiswa bamacala omabini baye banezinye iingqondo ezingahambelaniyo nelinye icala. Abalinganiswa abaziintloko bezi Drama zombini (ulutsha) bakholelwa kwinkcubeko yaseNtshona, babe abazali babo bona bekholelwa kwinkcubeko yemveli. Naxa abantu benkcubeko yemveli babeqhubeka nenkcubeko yabo yemveli, babengayithandi inkcubeko yaseNtshona eyamkelwe ngabantwana babo, ebenza ukuba bayijongele phantsi inkcubeko yabo yemveli. Apha ndizama ukuveza ukuguquka kwamaxesha ngenxa yefuthe laseNtshona okudale uqhankqalazo, ungquzulwano novukelwano phakathi komzali nomntwana nendlela oku kudala ngayo iyantlukwano ekuhlaleni naphakathi kwesizwe siphela. Oku kuza kwenziwa ngokuthi kuphononongwe nzulu ezi ncwadi zimbini zeDrama nendlela aba babhali abawudalance ngayo lo mcimbi wolu qhankqalazo. Ezinye izinto endiza kuziveza ziindlela zokuthetha ezithi zisetyenziswe ngabalinganiswa. Oku kwenziwa ngokuthi kugxeleshwe kakhulu kumagama nesigama esisetyenziswe ngaba babhali ukuzama ukuphuhlisa umxholo wabo. Unobangela wolu ngquzulwano kukuba abantu abadala abakholelwa kwinkcubeko yemveli bafuna ukuqweqwedisa abantwana abakholelwa kwinkcubeko yaseNtshona ukuba mabatshate ngenkani nabantu abangabathandiyo, nto leyo edale isiphelo esingekho sihle nokuphalala kwegazi kwezi Drama zimbini. Ngokuthe ngqo, ngokokucinga kwam, inkcubeko yaseAfrika ibonakala ikhuthaza ukuba ootata babenamalungelo angentla kwawoomama abashiyeka bona becinezelekile. Intwazana enguThobeka kuBuzani kubawo noNamhla kuAmaza bavezwe njengamaxhoba engcinezelo yamadoda xa bezibona sele begaxeleka emitshatweni namadoda abangawathandiyo. UThobeka utshatiswa noGugulethu angamaziyo ngenkani kuBuzani kubawo kanti uNamhla yena utshatiswa noSidima angamfuniyo, yena ezifunela uLizo wakhe kuAmaza. UThobeka uzibona ethobela abazali bakhe ngokuhamba aye eMthatha kuGugulethu ongamfuniyo kanti uyokuzibulalisa ngale ndoda kunye nabantwana athi ngabakhe. UNamhla kwelinye icala uthandana noLizo amthandayo ngoku angumfazi kaSidima, utshata noSidima ngomsesane abesele ewunikwe nguLizo. Unesibindi sokungenisa uLizo entangeni engekatshati kanti nangoku sele etshatile akayekanga ukungenisa uLizo apha kwaSidima. Apha ndiza kuveza uluvo lweengcali malunga neenkcubeko ezahlukileyo, unobangela wolu ngquzulwano neendlela ezinokwenziwa ukuthintela oku kungquzulana kule mihla siphila kuyo. Ukuqukumbela, isiphelo esibi sabalinganiswa senziwe kukunganyamezelani kwabantu abadala nabantwana benyanzelwa ngenkcubeko yemveli abangayifuniyo. Kuyinyaniso kona ukuba ngenxa yeenguqulelo ezininzi ezenzekileyo kweli, nezithe zalitshintsha ngokupheleleyo eli lizwe, uphando olutsha ngale miba lunganegalelo elikhulu. Ngoko ke, esi sifundo sigxile ekuphandeni nzulu ngendlela ephuhliswe ngayo le miba kwezi ncwadi zeDrama zimbini. Ababhali beethiyori ezahlukileyo ezisetyenziswe ekuhlalutyeni kolu phando benze kwakwazeka ukuchaza ngale miba yongquzulwano ngokunxulumene noncwadi. Inkcubeko ibonakala ingunozala nonobangela wendlela ubuni nongquzulwano obuthatyathwa ngayo ngabantu kwiintlanga zonke.
- Format
- 149 leaves
- Format
- Publisher
- Nelson Mandela Metropolitan University
- Publisher
- Faculty of Arts
- Language
- English
- Rights
- Nelson Mandela Metropolitan University
- Hits: 537
- Visitors: 704
- Downloads: 231
Thumbnail | File | Description | Size | Format | |||
---|---|---|---|---|---|---|---|
View Details Download | SOURCE1 | Adobe Acrobat PDF | 1 MB | Adobe Acrobat PDF | View Details Download |