Ukuphononongwa kwezaphuli-mthetho nokuzalana kwemixholo yenkangeleko kwincwadi ka L. K. Siwisa "Izimanga zalo mhlaba"
- Authors: Melane, Amanda Boniswa
- Date: 2006
- Subjects: Siwisa, L. K. -- Criticism and interpretation , Siwisa, L. K. Izimanga zalo mhlaba , Xhosa fiction -- History and criticism
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8471 , http://hdl.handle.net/10948/564 , http://hdl.handle.net/10948/d1011677 , Siwisa, L. K. -- Criticism and interpretation , Siwisa, L. K. Izimanga zalo mhlaba , Xhosa fiction -- History and criticism
- Description: Ubundlobongela buxhaphake okweentwala kubaThembu. Zininzi iindidi zobundlobongela ezithi ziqhubekeke apha ekuhlaleni. Abantu abathi bazibandakanye nobundlobongela, baphembelelwa ziimeko ezithile. Iimeko ezifana nokunqaba kwemisebenzi, izinga elinyukileyo lokusetyenziswa kweziyobisi nendlela athi umntu othile akhule ngayo. Ukuba ubani othile ukhule ngobusela, naye ulandela emkhondweni kanye abe lisela elibalaseleyo. Kwincwadi kaL. K. Siwisa ethi, “Izimanga zalomhlaba” kubhaqeka oku kulandelayo: Umntwana okhule ekhayeni lakhe kuetyenziswa iziyobisi naye wenza njalo akuba mkhulu. Imali eza ngobuqhinga nokuphela kwayo kuba lula. Ungumntu ebomini kufuneka utye ukubila kwebunzi lakho, uyeke ukufuna ukuvuna kodwa ungakhange ulime. Umntu kaloku uvuna loo nto athe wayilima. Apha ebomini zimisele ukwenza ubutyebi nelifa ngeli xesha usadla amazimba ukuze uphumelele. Xa ungumntu zimisele ukwanela, kule ndawo uMdali akubeke kuyo. Akufuneki ube ngumntu onentliziyo ende, unikwe isandla, wena ufune isandla kunye nengalo. Yonke le mikhwa ikukhokelela ekubeni ekugqibeleni wenze ubundlobongela. Ubundlobongela ke abubhatali koko busingisela kwantshabalala. Kula mabalana iyangqineka ngokuthi abonise iziphumo zobundlobongela ezifana nokuphulukana nobomi, ukuphelelwa zizinto zakho obunazo ngenxa yamaqhinga nobusela nokuphelela entolongweni. Kobu bundlobongela kukholisa ukubakho amaxhoba. Ngelishwa uninzi lwawo iba ngamabhinqa nabantwana.
- Full Text:
- Date Issued: 2006
Ukuzotywa kwabalinganiswa abafunzele ukuzibulala kwimidlalo ekhethiweyo yesiXhosa
- Authors: Kondowe, Zandile Ziyanda
- Date: 2006
- Subjects: Acting -- Psychological aspects , Xhosa drama (Tragedy) -- History and criticism , Suicide in literature , Actors -- Psychology , Xhosa drama
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8473 , http://hdl.handle.net/10948/536 , Acting -- Psychological aspects , Xhosa drama (Tragedy) -- History and criticism , Suicide in literature , Actors -- Psychology , Xhosa drama
- Description: Olu phando lugqale kubalinganiswa abafunzele ukuzibulala kwimidlalo ekhethiweyo yesiXhosa. Kwisahluko sokuqala ngumkhombandlela wolu phando, intshayelelo, injongo yophando, ubume besifundo namagqabantshintshi ngentyila bomi zababhali endicaphule kwiincwadi zabo namagama angundoqo. Kwezinye izahluko ingcingane ezahlukeneyo nalapho endingabalula ekaFreud isayikho-analisisi ndinaba ngokubanzi kumabakala awabekileyo afana nokuzalwa, isini, odiphasi khompleksi nephupha nenxaxheba yakhe ekugubhululeni okuyimfihlakalo ngokuthi aphande ubomi bomntu obadlulayo ukuze kubenokunyangwa impixano ekuye ngaphakathi. Enye ingcingane esetyenzisiweyo yile ingokuzibulala nalapho kuphononongwa ukuba ngobani abazibulalayo, abaqinisekileyo ngokufa kwabo, ukuzibulala ngesivumelwano nembalelwano abazishiyayo xa umntu ezibulala. Kwezinye izahluko ndiyibeka icace intsusa neziphumo zokuzibulala kwamaxhoba, ndayiphicotha nendlela ekuxhatshazwe ngayo amalungelo abalinganiswa ngabazali babo kuba benyanzela le mitshato yebhaxa ngenjongo yokuzuza ikhazi ngentombi zabo, nayo imixholo enxulumene nolu phando ndiyicaphule imixholo efana neyothando noqhankqalazo nomxholo wokutshatiswa kwabantwana ngebhaxa. Isahluko sesihlanu ngumqukumbelo jikelele nophononongo ngolu phando.
- Full Text:
- Date Issued: 2006
Ubuchule bencoko yababini nesimbo sokubhala kwincwadi ka A.M. Mmango ethi, "Law' ilahle"
- Authors: Tose, M. J
- Date: 2007
- Subjects: Mmango, A. M. -- Criticism and interpretation , Mmango, A. M. Law' ilahle , Xhosa fiction -- History and criticism
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8467 , http://hdl.handle.net/10948/621 , Mmango, A. M. -- Criticism and interpretation , Mmango, A. M. Law' ilahle , Xhosa fiction -- History and criticism
- Description: Olu phando lugxile kakhulu kwincwadi ka-A.M. Mmango ethi, Law’ilahle. Apha sizama ukuveza ukubaluleka kobuchule bokubhala phakathi kwencoko yabantu ababini kubhalo lwemidlalo ngoovulindlela bedrama esiXhoseni. Oku kwenziwa ngokuthi kuphononongwe nzulu isimbo sokubhala. Ezinye izinto esiza kuziveza ziindlela zokuthetha ezithi zizesetyenziswe ngabalinganiswa. Oku kwenziwa ngokuthi kugxeleshwe kakhulu kumagama namaganyana adelelekileyo asetyeniswayo ngabalinganiswa ze kuthi kubuywe kukhangelwe nefuthe laloo magama kulwimi olusulungekileyo lwesiXhosa. Oku kukhokelela ekuphononongeni indlela ekuthi umbhali asebenzise ngayo isigama esivumelekileyo nesigama esithi sisetyenziswe esibangela ukuba umfundi lowo asebenzise ingqondo yakhe ukucinga ukuba kutheni umbhali etshintsha isigama kuloo ncoko ithile ayakhayo. U-A. M. Mmango usizobela asivezele kakuhle zonke izigaba ekufuneka zilandelwe xa sibhala uncwadi lwedrama. Uyaphumelele ke ukuziveza zonke ezi zinto ngenxa yeengxoxo azakhayo phakathi kwabalinganiswa. Ukuba sithelekisa uluncwadi lwedrama yale mihla luye lube nawo umahluko kuncwadi olwalubhalwe kuqala. Kananjalo, lo ka-Mmango usebenzisa uyilo lwengxoxo nocwangciso lwimi olululo ukwenzela ukuba umfundi lowo ofunda incwadi yakhe akwazi ukuwubona umahluko phakathi kwababhali bale mihla nabakudala. Esi simbo sikaMmango sokubhala asiwenzi umdintsi. Oku kuphawuleka ngamandla kwimixholwana esekeleze ululeko olungqongqo.
- Full Text:
- Date Issued: 2007
An investigation of the themes and techniques in L.L. Sebe's "Ucamngco" = Uphando ngemixholo nesimo sokubhala esisetyenziswe kwincwadi ke L.L. Sebe "Ucamngco"
- Authors: Grootboom, Zoleka Faith
- Date: 2008
- Subjects: Sebe, L. L. W. (Lennox L. W.) -- Criticism and interpretation , Xhosa fiction -- History and criticism
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8465 , http://hdl.handle.net/10948/781 , Sebe, L. L. W. (Lennox L. W.) -- Criticism and interpretation , Xhosa fiction -- History and criticism
- Full Text:
- Date Issued: 2008
Uphononongo lokuchubeka kwezimo zabalinganiswa kwiincwadi ezichongiweyo zedrama zesiXhosa
- Authors: Mvanyashe, Andiswa
- Date: 2011
- Subjects: Xhosa drama , Characters and characteristics in literature
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8450 , http://hdl.handle.net/10948/1409 , Xhosa drama , Characters and characteristics in literature
- Description: Le ngxoxo iza kuthetha ngengcingane yokuchubeka. Phantsi kwengcingane yokuchubeka kuza kuthi kuxoxwe ngezi zinto ziladelayo: ukuchubeka lungileyo kunye nokuchubeka gwenxa, ubuso (imvakalelo), izaci zokuchubeka, ukuchubeka nesini kunye nokuchubeka namandla okanye igunya. Ezi zihloko zingaphantsi ziza kubonakaliswa phantsi kwecandelo lesibini ukuya kwelesine ze isahluko sesihlanu ibe sesokukuqukumbela. Ukuchubeka kufumaneka phantsi kwezifundo zesoshiyolingwistiki. Ingxoxo iza kuthi iqale icacise ngesoshiyolingwistiki. Ukuchubeka kuphuhla kakuhle xa isithethi sisebenzisa amagama entetho-ntshukumo anje ngokuncoma, ukuhlekisa, ukuxolisa njalo-njalo. Ingxoxo iza kuthi inabe nzulu ngengcingane yentetho-ntshukumo. Iza kuphinda ingene nzulu icacisa igama elinentshukumo ngalinye. Le ngxoxo ithi ijonge kwaye iphendule umbuzo othi ingaba ngoobani abachubekileyo kukho amadoda nabantu ababhinqileyo. Lo mbuzo uthi ukhokhelele ingxoxo ekuxoxeni ngesini. Ingcingane yesini iza kuthi isetyenziswe ekuphenduleni lo mbuzo kwaye iza kucaciswa nzulu. Kuyabonakala okokuba apha ekuchubekeni bakhona abantu abachubeka ngenxa yezizathu ezithile. Izizathu ezifana nokuthobela amagunya, ukoyika lo mntu athetha naye, ukuhlonipha njalo-njalo.
- Full Text:
- Date Issued: 2011
Uphononongo nzulu lokusetyenziswa kolwimi olucengayo ngabalinganiswa kwincwadi ka Z.S. Qangule ethi, "Amaza" neka A.M. Mmango ethi, "Udike noCikizwa"
- Authors: Notshe, Lwandlekazi
- Date: 2011
- Subjects: Xhosa drama , Figures of speech , Persuasion (Psychology) in literature
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8476 , http://hdl.handle.net/10948/d1012684 , Xhosa drama , Figures of speech , Persuasion (Psychology) in literature
- Description: Olu phando luza kuphendla ubugcisa bokusetyenziswa kwezicengo ekutshintsheni izimvo, iinkolo nokuziphatha kwabantu. Kuza kugxilwa kakhulu kwiinjongo noxinzelelo lwazo kuba zingunozala wezicengo. Kuza kugocwagocwa ‘Amaza’ kaQangule kwakunye no ‘UDike noCikizwa’ kaMmango. Apha kwezi ncwadi kuza kuhlutywa ukuba ulwimi olucengayo luyasetyenziswa ngabantu abantetho isisiXhosa, nokuba imingangatho eyinqobo (values), inkcubeko, nengqeqesho (socialization) zidlala indima enkulu kulwimi olucengayo. Isahluko sokuqala salo msebenzi siza kunika amagqabantshintshi ngolu phando. Esi sahluko siqulathe: Intshayelelo; Iingxaki zophando; Iinjongo zophando; Ukubaluleka kolu phando; Okusele kubhaliwe ngezicengo; Ingcaciso magama. Isahluko sesibini siqulathe iingcingane zolwimi olucengayo, abasunguli bazo, nemisebenzi yabo. Isahluko sesithathu siqwalasele ukusetyenziswa kwezicengo kwiincwadi ezichongiweyo. Isahluko sesine sijonge ubugcisa bokusetyenziswa kolwimi olucengayo kwizihlobo nakwiintsapho. Kwalapha, kujongwe nokusetyenziswa kolwimi oluchubekileyo ngamadoda nabafazi, igunya, umyalezo ocalanye kwakunye nokunikezela. Isahluko sesihlanu nesisesokugqibela – sishwankathela iziphumo zophando kukwanikwa neengcebiso.
- Full Text:
- Date Issued: 2011
Uphononongo lokubunjwa kobume bengqondo yabalinganiswa kwiincwadi ezikhethiweyo zesiXhosa
- Authors: Netjies, Nomalanga Primrose
- Date: 2012
- Subjects: Xhosa literature -- History and criticism , South African literature
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8474 , http://hdl.handle.net/10948/d1011847 , Xhosa literature -- History and criticism , South African literature
- Description: Olu phando luza kugxila kuphononongo lobume bengqondo ephazamisekileyo, lujonge izimo zabalinganiswa nendlela abacinga nabenza ngayo izinto. Kuza kube kugocwagocwa ubume bengqondo yabalinganiswa abakwezi ncwadi zintathu zilandelayo: Incwadi kaTamsanqa ethi, „Buzani Kubawo,‟ ekaJordan ethi, „Ingqumbo Yeminyanya‟ neka Jongilanga ethi, „Ukuqhawuka Kwembeleko.‟Apha kuza kukhokela intshayelelo equlathe izinto ezininzi eziquka amagama amatsha aza kusetyenziswa, indlela oza kuma ngayo umsebenzi kunye nembali ngababhali. Oku kulandelwa yingcingane eza kuthi ibe sisiseko solu phando, ingcingane yobume bengqondo, ingcingane yemeko engaqhelekanga kunye nezayamileyo; ingcingane yokuqonda kunye nengcingane yenkcubeko nentlalo. Kuza kuthi kutyhilwe iimeko abantu abaphila phantsi kwazo emakhaya nasentlalweni ngokubanzi. Iingcali zophando zizamile ukuza neendlela ezizizo zokwazi unobangela wokuphazamiseka kwengqondo ukuze zikwazi ukuza nonyango oluchanekileyo. Ekugqibeleni kuza kuthi kushwankathelwe wonke lo msebenzi, kuvezwe namacebo anokunceda abafundi nababhali kuncwadi. Kuza kucetyiswa ababhali ukuze babethelele ingcamango yokuba kubekho uncedo okanye unyango kubalinganiswa abanesimo sengqondo esiphazamisekileyo, xa kuphononongwa le ngcingane yesimo sengqondo.
- Full Text:
- Date Issued: 2012
Uphononongo ngokwesithako sobunzululwazi-sakhono kwiinoveli ezimbini zesiXhosa : (Ukhozi olunamaphiko noLwadilik' udonga)
- Authors: Jaxa, Nontembiso Patricia
- Date: 2013
- Subjects: Xhosa literature -- History and criticism , Xhosa language -- Grammar , Figures of speech
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8483 , http://hdl.handle.net/10948/d1020981
- Description: Kule ngxoxo kuqwalaselwa indlela ulwimi njengesakhono olusetyenziswe ngayo kwincwadi kaSaule, ethi, Ukhozi Olumaphiko kunye nobuchule bukaBongela ekubhaleni kwincwadi yakhe ethi, Lwadilik’ Udonga, yona eluguqulelo lwencwadi kaChinua Achebe, ethi, Things Fall Apart. Kule ngxoxo akuthelekiswa aba babhali babini koko kujongwe nje kunconywa ubuchule babo ekusebenziseni ulwimi ngendlela ephakamisa umgangatho weencwadi zabo. Oko, kudandalazisa ukubaluleka kokuqatshelwa kolwimi njengesakhono, ngababhali. Injongo yolu phando kukuba, ababhali bakuthathele ingqalelo ukubaluleka kokukhulisa nokukhuthaza ukusetyenziswa kolwimi ngokukubonisa oko kwiincwadi abazibhalileyo, ukuze, nakubafundi nootitshala ezikolweni, kube lula ukufunda nokufundisa ulwimi, kuphumezeke iinjongo zeNkcazelo yePolisi yeKharityhulam noHlolo (2011), yona ebethelela ukufundiswa kolwimi ngendlela ephucula nekhulisa umfundi kulwimi. Le ngxoxo ke ixhaswa ngezithako ngezithako zeengcali kwisakhono noguqulelo. Ingxoxo le yahlulwe yazizahluko ezihlanu. Isahluko sokuqala sivula ngentshayelelo, ze sidandalazise intsusamabandla yolu phando, kushukuxwe ingxubakaxaka elundululeyo, ze kwenziwe uphengululo lweencwadi zeengcali kwizithako zesakhono nezokuguqulela. Isahluko sesibini, siqwalasela indlela uSaule asebenzise ngayo iindidi zezivakalisi, kanti neendidi zezivakalisi ezidiza isakhono ngobuchule, ukuze kuphuhle amandla akhe ekubaliseni kuhlobo loncwadi alubhalileyo, nokuvakalisa iingcinga neengcamango zakhe, edlulisa nolwazi kwabo bafunda incwadi. Isahluko sesithathu, siyaqhuba nokusetyenziswa kolwimi njengesakhono sokubhala kwakwincwadi kaSaule, kodwa kujongwe ukusetyenziswa kwezifanekisozwi, izifaniso, uchongo-magama nentsingiselo kunye noburharha bombhali. Isahluko sesine sona sihlalutya isimbo sikaBongela ekubhaleni nasekuguquleleni kwincwadi yakhe ethi, Lwadilik’ udonga. Isahluko sesihlanu sesokuphetha, siyintyilazwi yeengxoxo ezikolu hlalutyo, kuxilongwa ubuzaza besithako sobunzululwazi-sakhono nokubaluleka kwaso ekuphuhliseni uncwadi jikelele. Ukusetyenziswa kolwimi kuko okungundoqo wokuphila koncwadi.
- Full Text:
- Date Issued: 2013
Uphononongo nzulu lwefuthe lweentetho ntshukumo zovakalelo zabalinganiswa kwiincwadi ezichongiweyo zedrama zesixhosa
- Authors: Sehloboko, Matsiliso
- Date: 2013
- Subjects: Xhosa literature , Xhosa drama
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8478 , http://hdl.handle.net/10948/d1020002
- Description: Olu phando luza kucubungula ifuthe lentetho ntshukumo yovakalelo kubalinganiswa. Kuza kungqalwa kwindlela ethi intsingiselo yamkeleke ngayo kutoliko novakalelo lomphulaphuli ngokuxhomekeka kwimeko ethile yentetho. Intetho njengesenzeko esinokusetyenziswa ekuyileni nasekuchukumiseni inyaniso, nethi ngokuvakaliswa kwayo idale utshintsho kubomi babalinganiswa iza kucubungulwa kuza kugocwagocwa iincwadi zedrama yesiXhosa ezichongiweyo.
- Full Text:
- Date Issued: 2013
Good-Gooder-Goodest
- Authors: Majola, Fundile Lawrence
- Date: 2014
- Subjects: South African fiction (English) -- 21st century , Xhosa fiction -- 21st century , Short stories, South African -- 21st century , Short stories, Xhosa -- 21st century , Creative writing (Higher education) -- Research -- South Africa , Creative writing -- Fiction , South African fiction -- Study and teaching (Higher)
- Language: English , Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:5982 , http://hdl.handle.net/10962/d1015657
- Description: My stories are set in the townships, and move with the vigorous rhythms and jagged structures of township life. Some of them are written in English and others in isiXhosa. Some of the dialogue is township slang, a mixture of languages; and pure isiXhosa. The stories follow no particular pattern and are arranged according to any form of chronology, and different voices, at times as a man/boy and in others as a girl. The characters are not related each story perfectly stands for itself. Some of the stories hark back to the days of apartheid and are seen through the eyes of a child confused by the humiliations of his elders. , Amabali am asekelwe ezilokishini yaye ahambelana neemeko ezimaxongo zokuphila zasezilokishini apho yaye amanye asukela kwixesha lengcinezelo yesizwe esimnyama. Imiba echatshazelwa kula mabali iquka intlupheko, intiyo kwakunye nokuphilisana koluntu ezilokishini, phantsi kwezo meko. Amabali la ndizame ukuwenza alandele indlela yokubalisa yhenkwenkwana enguSkhumba, ethi ibone iqwalasele iimeko zokuphila zabantu bohlanga lwayo. Ingqokelela esisiqendu sokuqala yona ibhalwe ze yangeniswa ngesiNgesi. , This thesis is presented in two parts: English and isiXhosa.
- Full Text:
- Date Issued: 2014
Inside the river
- Authors: Buzani, Mangaliso Welcome
- Date: 2014
- Subjects: South African poetry (English) , Xhosa poetry
- Language: English , Xhosa
- Type: text , Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:5971
- Description: My collection is of imagistic associative poetry, influenced by Spanish and other kinds of modernism, and written in my two languages, isiXhosa and English. My approach to producing these poems is first via the mastery of sound, not on the actual meaning of a poem; working on the meaning would be the last stage. The language of each poem will be encountered as it comes down on the paper, leading me to the words meaningful for that particular poem.
- Full Text:
- Date Issued: 2014
Ukuzotywa kwabalinganiswa ngokwesithako sobunzululwazi bume-ngqondo kwiincwadi zedrama ezikhethiweyo zesiXhosa, ngokweemeko zale mihla
- Authors: Bilatyi, Katy Nomthandazo
- Date: 2014
- Subjects: Xhosa drama Characters and characteristics in literature
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/9913 , vital:26632
- Description: Olu phando luza kugxila kuphononongo lobume bengqondo ephazamisekileyo yabalinganiswa, lujonga kananjalo izimo zabalinganiswa ngakumbi abatsha, indlela abacinga nabenza ngayo izinto. Olu phando luza kuphicotha obu bume bengqondo baba balinganiswa kusetyenziswa iincwadi zedrama ezilandelayo: uBuzani Kubawo, kaTamsanqa, uAmaza, kaQangule, uLiseza kutshona kaMbobo, u-Uthembisa noMakhaya kaMtywaku, Isikhwakhwa noBessie kaMtywaku kunye noNdiyekeni kaJongilanga. Olu thotho lweencwadi zedrama zikhethiweyo luza kusetyenziswa kwakhona ukubhentsisa ubungqondo-lukhuni lwababhali ekuzobeni abalinganiswa abatsha njengoongantweni nolwamvila lolu zobo kwindlela ulutsha oluziphethe ngayo. Olu phando lutshayelelwe ngesahluko sokuqala esiqulathe iingxaki zophando, iinjongo zophando, ukubaluleka kolu phando, okusele kubhaliwe ngophando olu, nalapho olu luza kwahluka khona. Isahluko sesibini sibonisa isithako sobuNzululwazi bume- ngqondo nezinye ezikhaphayo ezifana nenkcubeko apho kujongwa ukuba ingaba inkcubeko ayisetyenziswa na ngendlela ebangela ukuba abalinganiswa abatsha bazibone bekwimo emandla yoxinzelelo. Esi sithako senkcubeko sihambelana neso semo yokuziphatha apha kujongwa ukuba ingaba ukuziphatha kwaba balinganiswa batsha akuqhutywa yindlela uluntu olubabona ngayo bephenjelelwa nayindlela abazotywa ngayo ngababhali. Ezinye izithako ezikhapha esi sobume bengqondo seso sobudala apho kugxilwa kwindlela abajongelwa phantsi ngayo ngenxa yeminyaka yabo luluntu nabazali abaphela bebathathela izigqibo ezikhokelela kuxinzelelo nokuziphatha okungekuhle. Esokugqibela seso seOnomastiki apho kujongwa ukuba ingaba indlela abathiywe ngayo abalinganiswa ayinagalelo kusini na kwindlela oluziphethe ngayo ulutsha. Iimeko zoxinzelelo abazibhaqa bephantsi kwazo abatsha azibangelwa ngamagama abawanikiweyo na nekuye kulindeleke ukuba bawalandele ngenkani nokuba imeko ayivumi. Isahluko sesiThathu sakugxila kwizimo zabalinganiswa ze esesiNe sigxile kubalinganiswa nezigulo zengqondo.
- Full Text:
- Date Issued: 2014
Sunrays in a chilly winter
- Authors: Nolutshungu, Simphiwe
- Date: 2015
- Subjects: Creative writing (Higher education) -- South Africa , South African poetry (English) -- Study and teaching (Higher) , South African poetry (English) -- 21st century , South Africa -- Poetry
- Language: English , Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:5993 , http://hdl.handle.net/10962/d1017777
- Description: In both my English and IsiXhosa poetry, my themes are love, politics, and the social issues of rural communities, and include my own life experiences, both good and bad. My poems are mainly short narrative accounts of township life. Although they do have a broad educational purpose, they do not preach to the reader. In IsiXhosa, my poetic forms are influenced by the works of J J R Jolobe, W N Mbovane, P T Mtuze, and my English poems by Pablo Neruda, Mafika Pascal Gwala, Garcia Lorca and others. , Intliziyo yona izimele gxebe ifihlakele Iyimfihlo, kumagumbi omphefumlo. Iyafunxa, ifukame kulo magumbi amxinwa. Iingcango, mba! Zivaliwe! Maxa wambi zide zixel’ isisila senkukhu, sona sibonwa mhla ligquthayo. Vul’ amehlo ubaz’ iindlebe uchul’ ukunyathela. Yiza ndikubambe ngesandla, sivul’ iingcango! Masivul’ iingcango zentliziyo yam, sikrobe ngaphakathi! Masithi ntla‐ntla kumagumb’ amathathu kuphela! Masithi ntla‐ntla, kwelepolitiki yakwaXhosa, Kaloku nam ndingumXhosa! Masithi ntla‐ntla kwelifukame, i.z.i.x.i.n.g.a.x.i n.o.b.u.n.c.w.a.n.e. b.o.t.h.a.n.d.o, kaloku nam ndinemithamb’ ebalek’ igaz’ eliqhumayo! Ucango lokugqibela lukungenisa kwigumbi elinezidl’ umzi, Kaloku nam ndizalwa kulo mzi wakwaXhoooooosa! , This thesis is presented in two parts: English and isiXhosa.
- Full Text:
- Date Issued: 2015
Uphando ngokuphononongwa kwabalinganiswa ngokobume bengqondo kwiincwadi ezikhethiweyo zikaSaule u'Vuleka mhlaba no Umthetho kamthetho'
- Authors: Sokiya, Liliswa
- Date: 2015
- Subjects: Saule, N. -- Criticism and interpretation , Xhosa literature -- History and criticism
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/8585 , vital:26409
- Description: Impatho-mbi nabalinganiswa iba ngunobangela wokuphazamiseka kwengqodo zabalinganiswa. Umlinganiswa uthi nokuba uhleli azibone sele enezinye iingcinga, ngcinga ezo ziphazamisa ubomi bakhe. Izinto eziphazamisa umlinganiswa ebalini kukutyholwa ngezinto angazaziyo. Iyashiyana indlela abalinganiswa abachaphazeleka ngayo ngenxa yolu phazamiseko, loo nto ikhokelele ekubeni benze izinto ezingafaniyo.
- Full Text:
- Date Issued: 2015
Being civil
- Authors: Matshoba, Zongezile Theophilus
- Date: 2016
- Language: English , Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:6017 , http://hdl.handle.net/10962/d1021237
- Description: My collection of short stories delves into government and governance, democracy, citizenship, civil servants, poverty, corruption and nepotism. My stories draw on the traditions of gritty urban crime fiction uncovering crimes of violence, service delivery, vandalism and corruption. They explore themes of mental cruelty and greed, self- preservation and community in rural areas, farms, townships and cities characterized by wrenching contradictions and inequalities. , This epic dramatic poetic verse delves into government and school governance, labour unions, liberation struggle, parenting and a wide range of school perceptions. It interrogates the roles of parents, teachers, students, department of education officials and that of other stakeholders that make use of schools. Influenced by William Wellington Gqoba’s ‘A great debate on education: a Parable’ wayback, it continues the education debate in the current post-democratic South Africa characterized by wrenching contradictions and inequalities. , This thesis is presented in two parts: English and isiXhosa.
- Full Text:
- Date Issued: 2016
If I still want to breathe
- Authors: Billie, Ayanda
- Date: 2016
- Language: English , Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:6012 , http://hdl.handle.net/10962/1021231
- Description: One theme of this collection is the joy and the deep seated grief of my community of Kwa-Nobuhle; the brightness of hope on the faces on children running around our streets, the strides made by their mothers, the confusion of factory workers who are lost in darkness since the dawn of new dispensation. Then there are more personal poems: my own joys as well as the difficulties that have kept me from sleep and strangled my dreams as a writer, even though like Mafika Gwala, I believe that “words are born the way mothers beget children/words are born to survive time”. My style is influenced by imagistic, mystic and soulful poetry, such as the haunting Spanish voice of Garcia Lorca who wrote “I lose myself in the heart of certain children” and the absorbing isiXhosa voice of S E K Mqhayi. In response to their poetry my offering will be words that enliven us; my style will be what I see in the mirror, through the window, the sound of rain on my zinc roof and what frightens me. , Ndixomoloze ndiboph’ amaxonya, ndisenza eli linge lokuzama ukuxhathalaza kulo msinga uzakutshayela ulwimi lwethu. Nantso ke incwadana ndiyithe qhiwu ngendebe endiyithiye ngegama elithi Umhlaba Umanzi. Umhlaba umanzi ziinyembezi zabalilayo, umanzi kukubila kwabasebenzi besombha eludakeni, ufumile ziinkathazo zeminyaka zesizukulwana sesizukulwana. Injongo endifuna ukuyifezekisa ngeli nqaku yeyokuba umntu achole ntwana ithile ngokujonga imeko esiphila kuzo gabalala, ekuhlaleni, emakhayeni ethu nakwii ndawo esixelenga kuzo. Mhlawumbi kuyakuvuseleleka iingcinga neenkumbulo zamhla-mnene, okanye ibophe nezilonda ezimanzi. Ukwanda kwaliwa ngumthakathi. . . Nangomso. , This thesis is presented in two parts: English and isiXhosa.
- Full Text:
- Date Issued: 2016
Ndiyoyika
- Authors: Nyezwa, Mxolisi
- Date: 2016
- Language: English , Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:6021 , http://hdl.handle.net/10962/d1021245
- Description: This thesis collection is a book of isiXhosa poems in three sections: - Poems derived and influenced by the rhythmic structure and the lyrics of Maskandi music - More introspective and personal poems derived from other influences: International poetry, South African poetry, and certain jazz and soul music - A major poem titled, “Nozala, umqolo wakho uphandle” which delves into the state of South Africa and explores the relationships that entrench poverty and powerlessness in post-apartheid South Africa. , Le thisisi yingqokelela yemibongo yesiXhosa eyohlulwe yazizigaba ezintathu: - Imibongo ephenjelelwe ziingoma nezingqi zomculo kaMaskandi - Imibongo ephenjelelwe zizimvo neemvakalelo zam njengombhali, ngakumbi iintshukumo zomzimba nezomphefumlo ezithundezwe ziimbongi zamazwe omhlaba, ezoMzantsi Afrika, kunye nemiculo efana ne-jazz, ne-soul - Umbongo ombaxa osihloko sithi, “Nozala, umqolo wakho uphandle” othetha ngelizwe lethu iMzantsi Afrika, uqwalasela indlela ekuphethwe ngayo ilizwe ziziphathamandla, nendlela abasemagunyeni abaphembelela ngayo intswela-ngqesho nentlupheko eluntwini, kwanokufiphala kobutsha-ntliziyo nobuthanda-zwe kubemi beli lizwe.
- Full Text:
- Date Issued: 2016
Uhlalutyo ngokwesithako sobunzululwazi nkcubeko-ntlalo yaseAfrika kwinoveli yesiXhosa: Inkululeko isentabeni
- Authors: Bali, Nolundi Monica
- Date: 2016
- Subjects: Xhosa literature -- History and criticism
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/9077 , vital:26462
- Description: Kule ngxoxo kuqwalaswele indlela amasiko nezithethe asetyenziswe ngayo kwincwadi kaSaule, ethi, Inkululeko isentabeni. Le ngxoxo ijolise ekuncomeni indlela lo kaSaule awasebenzise ngayo amasiko kunye nezithethe zakwaNtu ukwakha isizwe esimnyama. Konke oku kudandalazisa ukubaluleka kokusetyenziswa kwawo ukwakha isizwe. Injongo yolu phando kukuphendla indlela umtshato, isithembu, ulwaluko, imbeleko, intonjane, ukufa, ukukhapha, ukubuyisa nokungenwa ezaziqhutywa ngayo nezizathu zoko. Le ngxoxo iza kuphonononga ixhaswe ngezithako eziziimbono zeengcali zohlalutyo kwintlalo kaNtu. Ingxoxo le yahlulwe yazizahluko ezintandathu. Isahluko sokuqala sivula ngentshayelelo, ze sidandalazise intsusamabandla yolu phando, kushukuxwe imbangeli yophando, ze kwenziwe uphengululo lweencwadi zeengcali kwisithako sobuNzululwazi Nkcubeko-Ntlalo. Isahluko sesibini, siqwalasela ukuxabiseka kolwendo ngokwengcinga yesiNtu kwincwadi kaSaule. Indlela isiko lokuthwala lalisenziwa ngalo mandulo xa kuthelekiswa kweyangoku, nemiceli-mngeni elijamelene nalo eli siko. Isahluko sesithathu, sijongene nesithembu, iimeko ezazinyanzelisa ukuthathwa komfazi wesibini nangaphezulu nemiceli-mngeni ekhoyo kwesi sithethe. Isahluko sesine, singolwaluko ngemihla yamandulo size sithelekiswe nale mihla siphila kuyo. Iingxaki ezikhoyo kweli siko ezibangelwa kukungakhathali kwengcibi, namakhankatha. Esesihlanu, isahluko singamasiko nezithethe, iindlela ezazisaya kusetyenziswa mandulo kuthelekiswa nezeli xesha lokhanyo ekwenzeni la masiko nezi zithethe. Isahluko sesithandathu, sesokuphetha, siyintyilazwi yeengxoxo ezikolu hlalutyo, kuxilongwa ubuzaza besithako sobunzululwazi nkcubeko-ntlalo.
- Full Text:
- Date Issued: 2016
Back to nowhere
- Authors: Fundakubi, Zukile Anthony
- Date: 2017
- Subjects: Creative writing (Higher education) South Africa , South African fiction (English) 21st century , Short stories, South African (English) 21st century , Xhosa fiction 21st century , Short stories, Xhosa 21st century , Detective and mystery stories 21st century
- Language: English , Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/5071 , vital:20763
- Description: My writing contains elements of hard-boiled detective fiction and crime writing. My stories, written in isiXhosa and English and a mixture of both, transplant these genres into a South African township setting where gang violence dominates and life is cheap. They are driven by uniquely South African characters, brutal crime scenes and fear-inspiring suspense, but none the less still full of humour. I want my work to entertain the reader while also looking realistically and critically at the problem of crime in our townships. I draw on influences of African and Latin American writers to create South African crime fiction in a realistic urban setting, with dynamic characters and sharp dialogue. , Le ngqokelela yamabali iqulathe amabali angobomi babantu abasezilokishini nabo bahlala ezilalini. Nangona umfundi angahle awafumanisa ehlekisa amanye elusizi, injongo yombhali asikukuhlekisa nakunyanzelisa imfundiso koko ikuzoba ubomi bababantu, bephila kwezi ndawo neengxaki abajongene nazo. Imeko yaba bantu kumakhaya ngamakhaya yiyo ebangele ukuba umbhali abelane nomfundi ngokuqhubekayo ebomini. , This thesis is presented in two parts: English and isiXhosa
- Full Text:
- Date Issued: 2017
Emathunjini omhlaba kuhlala abantu
- Authors: Moya, Mlandeli Wellington
- Date: 2017
- Subjects: Short stories, Xhosa
- Language: Xhosa , English
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/7235 , vital:21231
- Description: My short stories are about the circumstances in which black gold miners in Welkom in the 1980s and 1990s found themselves. These mineworkers - I was one of them - made up a large, uneducated segment of personnel because our work required strength and good health only. We came from all over the African continent. The places we had to live in were like jails or military barracks, sometimes with twenty or more of us sharing a single room. Because of these conditions, we shared our pains, and the pains of wives, children and relatives of those who were killed or disabled by their work, the repatriation of those who lost their capacity to continue working because of accidents and work, and work-related illnesses. We did not share the same language, and so we had to learn Fanakalo, the language of South African mine workers. My stories show how pain and happiness rub shoulders with each other in the miners' life, because besides the dangerous work there was also cultural entertainment, religious practices, robbery by tsotsis, and many prostitutes. The book Buzani Kubawo by Witness K. Tamsanqa has been an important influence on my writing. Other influences have been L.L. Sebe's Ucamngco and P.T. Mtuze's Alitshoni Lingaphumi. , La mabali angeemeko zabembi-migodi baseWelkom phaya kwiminyaka ephakathi koo-1980 noo-1990. Aba basebenzi, endandingomnye wabo, babeliqela elivisayo elingafundanga — bezingca ngamandla. Sasiphuma mbombo zonke zeli lase-Afrika. Indawo esasihlala kuyo ibifana nqwa nezisele zentolongo okanye izindlu zasemkhosini. Amashumi amabini amadoda elala ndlwini - nye. Ngenxa yaloo meko sachubelana amabali ngeemeko zobomi bethu, ngabafazi nabantwana, nezizalwane, nangeengozi esasingena kuzo nokugoduswa kwabo bagulayo. Kwathi kuba sasithetha iilwimi ngeelwimi safundiswa isiFanakalo. Amabali am abonisa iintlungu ezayame kulonwabo kuloo meko yasemigodini kuba yayikho nemidlalo nemigcobo ezonwabisayo ngokweentlanga ngeentlanga. Sasikwajongene nootsotsi kunye neentwazana ezithengisa ngemizimba. Ababhali abathe banefuthe ekubhaleni kwam baquka aba: uW.K. Thamsanqa ngencwadi yakhe ethi "Buzani kubawo," uP.T. Mtuze ngeyakhe ethi "Alitshoni Lingaphumi," kunye no L.L. Sebe ngencwadi yakhe ethi "Ucamngco."
- Full Text:
- Date Issued: 2017