Ubuchule bencoko yababini nesimbo sokubhala kwincwadi ka A.M. Mmango ethi, "Law' ilahle"
- Authors: Tose, M. J
- Date: 2007
- Subjects: Mmango, A. M. -- Criticism and interpretation , Mmango, A. M. Law' ilahle , Xhosa fiction -- History and criticism
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8467 , http://hdl.handle.net/10948/621 , Mmango, A. M. -- Criticism and interpretation , Mmango, A. M. Law' ilahle , Xhosa fiction -- History and criticism
- Description: Olu phando lugxile kakhulu kwincwadi ka-A.M. Mmango ethi, Law’ilahle. Apha sizama ukuveza ukubaluleka kobuchule bokubhala phakathi kwencoko yabantu ababini kubhalo lwemidlalo ngoovulindlela bedrama esiXhoseni. Oku kwenziwa ngokuthi kuphononongwe nzulu isimbo sokubhala. Ezinye izinto esiza kuziveza ziindlela zokuthetha ezithi zizesetyenziswe ngabalinganiswa. Oku kwenziwa ngokuthi kugxeleshwe kakhulu kumagama namaganyana adelelekileyo asetyeniswayo ngabalinganiswa ze kuthi kubuywe kukhangelwe nefuthe laloo magama kulwimi olusulungekileyo lwesiXhosa. Oku kukhokelela ekuphononongeni indlela ekuthi umbhali asebenzise ngayo isigama esivumelekileyo nesigama esithi sisetyenziswe esibangela ukuba umfundi lowo asebenzise ingqondo yakhe ukucinga ukuba kutheni umbhali etshintsha isigama kuloo ncoko ithile ayakhayo. U-A. M. Mmango usizobela asivezele kakuhle zonke izigaba ekufuneka zilandelwe xa sibhala uncwadi lwedrama. Uyaphumelele ke ukuziveza zonke ezi zinto ngenxa yeengxoxo azakhayo phakathi kwabalinganiswa. Ukuba sithelekisa uluncwadi lwedrama yale mihla luye lube nawo umahluko kuncwadi olwalubhalwe kuqala. Kananjalo, lo ka-Mmango usebenzisa uyilo lwengxoxo nocwangciso lwimi olululo ukwenzela ukuba umfundi lowo ofunda incwadi yakhe akwazi ukuwubona umahluko phakathi kwababhali bale mihla nabakudala. Esi simbo sikaMmango sokubhala asiwenzi umdintsi. Oku kuphawuleka ngamandla kwimixholwana esekeleze ululeko olungqongqo.
- Full Text:
- Date Issued: 2007
Uphando ngokuphononongwa kwabalinganiswa ngokobume bengqondo kwiincwadi ezikhethiweyo zikaSaule u'Vuleka mhlaba no Umthetho kamthetho'
- Authors: Sokiya, Liliswa
- Date: 2015
- Subjects: Saule, N. -- Criticism and interpretation , Xhosa literature -- History and criticism
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/8585 , vital:26409
- Description: Impatho-mbi nabalinganiswa iba ngunobangela wokuphazamiseka kwengqodo zabalinganiswa. Umlinganiswa uthi nokuba uhleli azibone sele enezinye iingcinga, ngcinga ezo ziphazamisa ubomi bakhe. Izinto eziphazamisa umlinganiswa ebalini kukutyholwa ngezinto angazaziyo. Iyashiyana indlela abalinganiswa abachaphazeleka ngayo ngenxa yolu phazamiseko, loo nto ikhokelele ekubeni benze izinto ezingafaniyo.
- Full Text:
- Date Issued: 2015
Jah Hills
- Authors: Slasha, Unathi
- Date: 2017
- Language: English , Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/7157 , vital:21222
- Description: Jah Hills is alone in Kwaf Indoda bush, waiting for elders to come, burn ibhuma and deliver him home. Two weeks before he departs from his initiation period, he is seduced by igqwirha. When he fails to satisfy her appetite, he gets ‘abducted and turned into isithunzela. One night, he narrowly escapes and finds his way back. But the experience at home is gruesome; they drive him away and want his death. My novel is fast paced, accumulating speed as it proceeds. It is formally experimental, drawing on forms that have gone before and trying to usher in a new manner of writing and looking at the world. It is told through the eyes of isithunzela that Jah Hills has become. It makes use of Nguni folklore, reimagined and subverted so it fits the character’s unearthly vision. Certain characters and moments from Nguni folktales are borrowed and appear throughout the text. Stylistically I draw extensively from the work of Sony Lab’ou Tansi, Taban Lo Liyong, Dambudzo Marechera, D.O. Fagunwa and Amos Tutuola.
- Full Text:
- Date Issued: 2017
“Ntombazana, ugayela bani?”: ubunzululwazi beentsimbi
- Authors: Silo, Tolakele Talitha
- Date: 2020
- Subjects: Beadwork, Xhosa , Xhosa (African people) -- Social life and customs , Beadwork, Tembu , Tembu (African people) -- Social life and customs
- Language: Xhosa
- Type: text , Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/167487 , vital:41485
- Description: “ NTOMBAZANA, UGAYELA BANI?”: UBUNZULULWAZI BEENTSIMBI is a study on the culture of abaThembu, one of the amaXhosa subgroups. Focusing on beadwork as one of this group’s cultural aspects, this research is an initiative to ensure documentation of such indigenous knowledge as an influence on the lifestyle of abaThembu. It also strives to uplift the use of oral literature to present it a fair chance at being a driving force for change as it has previously been ousted with the acceptability of written literature. Of great surprise is to see that despite western civilization, which affected the people’s culture, beadwork remains a pillar of the abaThembu-amaXhosa culture. This craft has evolved and thus, shows no signs of regression. This thesis is an indigenous knowledge focused research.
- Full Text:
- Date Issued: 2020
Uphononongo nzulu lwefuthe lweentetho ntshukumo zovakalelo zabalinganiswa kwiincwadi ezichongiweyo zedrama zesixhosa
- Authors: Sehloboko, Matsiliso
- Date: 2013
- Subjects: Xhosa literature , Xhosa drama
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8478 , http://hdl.handle.net/10948/d1020002
- Description: Olu phando luza kucubungula ifuthe lentetho ntshukumo yovakalelo kubalinganiswa. Kuza kungqalwa kwindlela ethi intsingiselo yamkeleke ngayo kutoliko novakalelo lomphulaphuli ngokuxhomekeka kwimeko ethile yentetho. Intetho njengesenzeko esinokusetyenziswa ekuyileni nasekuchukumiseni inyaniso, nethi ngokuvakaliswa kwayo idale utshintsho kubomi babalinganiswa iza kucubungulwa kuza kugocwagocwa iincwadi zedrama yesiXhosa ezichongiweyo.
- Full Text:
- Date Issued: 2013
Ndoxoza mphini wumbi!
- Authors: Saki, Sandile Dudu
- Date: 2019
- Subjects: South African fiction (English)
- Language: English , Xhosa
- Type: text , Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/92605 , vital:30741
- Description: My English half-thesis comprises semi-autobiographical short stories based on my own lived and observed experiences of patriarchal township life, but told through the eyes of others, often those who find themselves victims of societal ills and cruel injustices. The stories deal with issues ranging from rape culture, intimate femicide, social patriarchy and the vulnerability of women, children and people living with disabilities in such settings. Refusing didacticism, I seek to voice the complexity, bravery and beauty of my characters. I draw influence from Joel Matlou’s simple narration of the small details of daily life, Can Themba’s ability to find humour in the everyday, Chimamanda Ngozi Adichie’s contemporary sass and Irenosen Okojie’s unconventional, subtle and deeply enigmatic approach to storytelling. , Le thisisi yingqokelela yemibongo enesingqi nefuthe endilincance kubabhali endihlangene nabo kwezi zifundo endingabala kubo uMxolisi Nyezwa, Rustum Kozain nabanye. Injongo yale thisisi kukonwabisa; ukucebisa mhlawumbi ukuthungulula iintongo emva kobentlombe. Maxa wambi ikukukhahlela nakwabo baye banegalelo kwizinto-yinto zokuhlala ngakumbi iimvumi zikaMasikhandi ezifana noMlindelwa ‘Inkunz’ emdaka’ Mralatya owaziwa njengovulindlela kaMasikhandi kwisizwe sakwaXhosa siphela. Bakho ke ababhali abasingqi sabo sindithimbileyo, naba bugcisa ndibuthandileyo endingabalula kubo uMzwandile Matiwana, M. S. Mlandu, Fundile Majola, John Solilo, J. J. R Jolobe kunye noS. E. K. Mqhayi. Liyavakala ifuthe labo kule mibongo, ngakumbi isingqi nokusetyenziswa kolwimi. , English and Xhosa versions provided for dual language submission
- Full Text:
- Date Issued: 2019
Shoutfighting and other fiction
- Authors: Rasmenike, Nonqubela Evelyn
- Date: 2020
- Subjects: South African fiction (English) -- 21st century , Xhosa fiction -- 21st century
- Language: English , Xhosa
- Type: text , Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/144500 , vital:38351
- Description: This document consists of three parts: Part A: English Half Thesis (Creative Work) ; Part B: IsiXhosa Half Thesis (Creative Work) ; Part C: Portfolio.
- Full Text:
- Date Issued: 2020
Kwakhe kwanje phi na?
- Authors: Qwesha, Mziwonke
- Date: 2020
- Subjects: South African drama (Xhosa) -- 21st century , Xhosa drama -- 21st century
- Language: Xhosa
- Type: text , Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/144476 , vital:38349
- Description: Creative work portfolio - drama in isiXhosa.
- Full Text:
- Date Issued: 2020
“Ndingumfana osemncinci, kodwa ndizibonile izinto”
- Authors: Qambela, Gcobani
- Date: 2019
- Language: English , Xhosa
- Type: text , Thesis , Doctoral , PhD
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/92236 , vital:30694
- Description: Expected release date-April 2021
- Full Text: false
- Date Issued: 2019
Ndiyoyika
- Authors: Nyezwa, Mxolisi
- Date: 2016
- Language: English , Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:6021 , http://hdl.handle.net/10962/d1021245
- Description: This thesis collection is a book of isiXhosa poems in three sections: - Poems derived and influenced by the rhythmic structure and the lyrics of Maskandi music - More introspective and personal poems derived from other influences: International poetry, South African poetry, and certain jazz and soul music - A major poem titled, “Nozala, umqolo wakho uphandle” which delves into the state of South Africa and explores the relationships that entrench poverty and powerlessness in post-apartheid South Africa. , Le thisisi yingqokelela yemibongo yesiXhosa eyohlulwe yazizigaba ezintathu: - Imibongo ephenjelelwe ziingoma nezingqi zomculo kaMaskandi - Imibongo ephenjelelwe zizimvo neemvakalelo zam njengombhali, ngakumbi iintshukumo zomzimba nezomphefumlo ezithundezwe ziimbongi zamazwe omhlaba, ezoMzantsi Afrika, kunye nemiculo efana ne-jazz, ne-soul - Umbongo ombaxa osihloko sithi, “Nozala, umqolo wakho uphandle” othetha ngelizwe lethu iMzantsi Afrika, uqwalasela indlela ekuphethwe ngayo ilizwe ziziphathamandla, nendlela abasemagunyeni abaphembelela ngayo intswela-ngqesho nentlupheko eluntwini, kwanokufiphala kobutsha-ntliziyo nobuthanda-zwe kubemi beli lizwe.
- Full Text:
- Date Issued: 2016
Uphononongo nzulu lokusetyenziswa kolwimi olucengayo ngabalinganiswa kwincwadi ka Z.S. Qangule ethi, "Amaza" neka A.M. Mmango ethi, "Udike noCikizwa"
- Authors: Notshe, Lwandlekazi
- Date: 2011
- Subjects: Xhosa drama , Figures of speech , Persuasion (Psychology) in literature
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8476 , http://hdl.handle.net/10948/d1012684 , Xhosa drama , Figures of speech , Persuasion (Psychology) in literature
- Description: Olu phando luza kuphendla ubugcisa bokusetyenziswa kwezicengo ekutshintsheni izimvo, iinkolo nokuziphatha kwabantu. Kuza kugxilwa kakhulu kwiinjongo noxinzelelo lwazo kuba zingunozala wezicengo. Kuza kugocwagocwa ‘Amaza’ kaQangule kwakunye no ‘UDike noCikizwa’ kaMmango. Apha kwezi ncwadi kuza kuhlutywa ukuba ulwimi olucengayo luyasetyenziswa ngabantu abantetho isisiXhosa, nokuba imingangatho eyinqobo (values), inkcubeko, nengqeqesho (socialization) zidlala indima enkulu kulwimi olucengayo. Isahluko sokuqala salo msebenzi siza kunika amagqabantshintshi ngolu phando. Esi sahluko siqulathe: Intshayelelo; Iingxaki zophando; Iinjongo zophando; Ukubaluleka kolu phando; Okusele kubhaliwe ngezicengo; Ingcaciso magama. Isahluko sesibini siqulathe iingcingane zolwimi olucengayo, abasunguli bazo, nemisebenzi yabo. Isahluko sesithathu siqwalasele ukusetyenziswa kwezicengo kwiincwadi ezichongiweyo. Isahluko sesine sijonge ubugcisa bokusetyenziswa kolwimi olucengayo kwizihlobo nakwiintsapho. Kwalapha, kujongwe nokusetyenziswa kolwimi oluchubekileyo ngamadoda nabafazi, igunya, umyalezo ocalanye kwakunye nokunikezela. Isahluko sesihlanu nesisesokugqibela – sishwankathela iziphumo zophando kukwanikwa neengcebiso.
- Full Text:
- Date Issued: 2011
Sunrays in a chilly winter
- Authors: Nolutshungu, Simphiwe
- Date: 2015
- Subjects: Creative writing (Higher education) -- South Africa , South African poetry (English) -- Study and teaching (Higher) , South African poetry (English) -- 21st century , South Africa -- Poetry
- Language: English , Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:5993 , http://hdl.handle.net/10962/d1017777
- Description: In both my English and IsiXhosa poetry, my themes are love, politics, and the social issues of rural communities, and include my own life experiences, both good and bad. My poems are mainly short narrative accounts of township life. Although they do have a broad educational purpose, they do not preach to the reader. In IsiXhosa, my poetic forms are influenced by the works of J J R Jolobe, W N Mbovane, P T Mtuze, and my English poems by Pablo Neruda, Mafika Pascal Gwala, Garcia Lorca and others. , Intliziyo yona izimele gxebe ifihlakele Iyimfihlo, kumagumbi omphefumlo. Iyafunxa, ifukame kulo magumbi amxinwa. Iingcango, mba! Zivaliwe! Maxa wambi zide zixel’ isisila senkukhu, sona sibonwa mhla ligquthayo. Vul’ amehlo ubaz’ iindlebe uchul’ ukunyathela. Yiza ndikubambe ngesandla, sivul’ iingcango! Masivul’ iingcango zentliziyo yam, sikrobe ngaphakathi! Masithi ntla‐ntla kumagumb’ amathathu kuphela! Masithi ntla‐ntla, kwelepolitiki yakwaXhosa, Kaloku nam ndingumXhosa! Masithi ntla‐ntla kwelifukame, i.z.i.x.i.n.g.a.x.i n.o.b.u.n.c.w.a.n.e. b.o.t.h.a.n.d.o, kaloku nam ndinemithamb’ ebalek’ igaz’ eliqhumayo! Ucango lokugqibela lukungenisa kwigumbi elinezidl’ umzi, Kaloku nam ndizalwa kulo mzi wakwaXhoooooosa! , This thesis is presented in two parts: English and isiXhosa.
- Full Text:
- Date Issued: 2015
Ndonakele
- Authors: Ngcelwane, Ayabulela
- Date: 2019
- Subjects: Xhosa fiction , Xhosa poetry
- Language: English , Xhosa
- Type: text , Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/92721 , vital:30742
- Description: Le thisisi yingqokelela yemibongo egxile kwimingeni ejamelene noluntu kwimimandla efana neelokishi. Unobangela wale mingeni yintswelo-ngqesho, ukungafumani zindlu, ubundlobongela, isimo sezepolitiki, njalo-njalo. Imisebenzi kaRonnie Kasrils ngakumbi kwincwadi yakhe ethi A simple man, uRustum Siyongwana – Ubulumko bezinja uS. S. Mema – Umnxeba Wobomi, nezinye, zibe nefuthe kakhulu kule thisisi. Indlela abasebenzisa ngayo ulwimi lwemihla ngemihla, maxawambi bade basebenzise nesakhono esisetyenziswa ezintsomini ezifana nokusebenzisa abalinganiswa abazizilwanyana bekwekwa umba onobuzaza. Injongo yalo msebenzi kukugqamisa ukubaluleka kwentlalontle yoluntu, nokuvuselela isazela koongxowa ayibotshwa. Yiyo loo nto kuzanywe kangangoko ukusetyenziswa ulwimi olunokufikeleleka nakubani na. , English and Xhoxa versions provided for dual language submission
- Full Text:
- Date Issued: 2019
Uphononongo lokubunjwa kobume bengqondo yabalinganiswa kwiincwadi ezikhethiweyo zesiXhosa
- Authors: Netjies, Nomalanga Primrose
- Date: 2012
- Subjects: Xhosa literature -- History and criticism , South African literature
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8474 , http://hdl.handle.net/10948/d1011847 , Xhosa literature -- History and criticism , South African literature
- Description: Olu phando luza kugxila kuphononongo lobume bengqondo ephazamisekileyo, lujonge izimo zabalinganiswa nendlela abacinga nabenza ngayo izinto. Kuza kube kugocwagocwa ubume bengqondo yabalinganiswa abakwezi ncwadi zintathu zilandelayo: Incwadi kaTamsanqa ethi, „Buzani Kubawo,‟ ekaJordan ethi, „Ingqumbo Yeminyanya‟ neka Jongilanga ethi, „Ukuqhawuka Kwembeleko.‟Apha kuza kukhokela intshayelelo equlathe izinto ezininzi eziquka amagama amatsha aza kusetyenziswa, indlela oza kuma ngayo umsebenzi kunye nembali ngababhali. Oku kulandelwa yingcingane eza kuthi ibe sisiseko solu phando, ingcingane yobume bengqondo, ingcingane yemeko engaqhelekanga kunye nezayamileyo; ingcingane yokuqonda kunye nengcingane yenkcubeko nentlalo. Kuza kuthi kutyhilwe iimeko abantu abaphila phantsi kwazo emakhaya nasentlalweni ngokubanzi. Iingcali zophando zizamile ukuza neendlela ezizizo zokwazi unobangela wokuphazamiseka kwengqondo ukuze zikwazi ukuza nonyango oluchanekileyo. Ekugqibeleni kuza kuthi kushwankathelwe wonke lo msebenzi, kuvezwe namacebo anokunceda abafundi nababhali kuncwadi. Kuza kucetyiswa ababhali ukuze babethelele ingcamango yokuba kubekho uncedo okanye unyango kubalinganiswa abanesimo sengqondo esiphazamisekileyo, xa kuphononongwa le ngcingane yesimo sengqondo.
- Full Text:
- Date Issued: 2012
Uphononongo lokuchubeka kwezimo zabalinganiswa kwiincwadi ezichongiweyo zedrama zesiXhosa
- Authors: Mvanyashe, Andiswa
- Date: 2011
- Subjects: Xhosa drama , Characters and characteristics in literature
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8450 , http://hdl.handle.net/10948/1409 , Xhosa drama , Characters and characteristics in literature
- Description: Le ngxoxo iza kuthetha ngengcingane yokuchubeka. Phantsi kwengcingane yokuchubeka kuza kuthi kuxoxwe ngezi zinto ziladelayo: ukuchubeka lungileyo kunye nokuchubeka gwenxa, ubuso (imvakalelo), izaci zokuchubeka, ukuchubeka nesini kunye nokuchubeka namandla okanye igunya. Ezi zihloko zingaphantsi ziza kubonakaliswa phantsi kwecandelo lesibini ukuya kwelesine ze isahluko sesihlanu ibe sesokukuqukumbela. Ukuchubeka kufumaneka phantsi kwezifundo zesoshiyolingwistiki. Ingxoxo iza kuthi iqale icacise ngesoshiyolingwistiki. Ukuchubeka kuphuhla kakuhle xa isithethi sisebenzisa amagama entetho-ntshukumo anje ngokuncoma, ukuhlekisa, ukuxolisa njalo-njalo. Ingxoxo iza kuthi inabe nzulu ngengcingane yentetho-ntshukumo. Iza kuphinda ingene nzulu icacisa igama elinentshukumo ngalinye. Le ngxoxo ithi ijonge kwaye iphendule umbuzo othi ingaba ngoobani abachubekileyo kukho amadoda nabantu ababhinqileyo. Lo mbuzo uthi ukhokhelele ingxoxo ekuxoxeni ngesini. Ingcingane yesini iza kuthi isetyenziswe ekuphenduleni lo mbuzo kwaye iza kucaciswa nzulu. Kuyabonakala okokuba apha ekuchubekeni bakhona abantu abachubeka ngenxa yezizathu ezithile. Izizathu ezifana nokuthobela amagunya, ukoyika lo mntu athetha naye, ukuhlonipha njalo-njalo.
- Full Text:
- Date Issued: 2011
Emathunjini omhlaba kuhlala abantu
- Authors: Moya, Mlandeli Wellington
- Date: 2017
- Subjects: Short stories, Xhosa
- Language: Xhosa , English
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/7235 , vital:21231
- Description: My short stories are about the circumstances in which black gold miners in Welkom in the 1980s and 1990s found themselves. These mineworkers - I was one of them - made up a large, uneducated segment of personnel because our work required strength and good health only. We came from all over the African continent. The places we had to live in were like jails or military barracks, sometimes with twenty or more of us sharing a single room. Because of these conditions, we shared our pains, and the pains of wives, children and relatives of those who were killed or disabled by their work, the repatriation of those who lost their capacity to continue working because of accidents and work, and work-related illnesses. We did not share the same language, and so we had to learn Fanakalo, the language of South African mine workers. My stories show how pain and happiness rub shoulders with each other in the miners' life, because besides the dangerous work there was also cultural entertainment, religious practices, robbery by tsotsis, and many prostitutes. The book Buzani Kubawo by Witness K. Tamsanqa has been an important influence on my writing. Other influences have been L.L. Sebe's Ucamngco and P.T. Mtuze's Alitshoni Lingaphumi. , La mabali angeemeko zabembi-migodi baseWelkom phaya kwiminyaka ephakathi koo-1980 noo-1990. Aba basebenzi, endandingomnye wabo, babeliqela elivisayo elingafundanga — bezingca ngamandla. Sasiphuma mbombo zonke zeli lase-Afrika. Indawo esasihlala kuyo ibifana nqwa nezisele zentolongo okanye izindlu zasemkhosini. Amashumi amabini amadoda elala ndlwini - nye. Ngenxa yaloo meko sachubelana amabali ngeemeko zobomi bethu, ngabafazi nabantwana, nezizalwane, nangeengozi esasingena kuzo nokugoduswa kwabo bagulayo. Kwathi kuba sasithetha iilwimi ngeelwimi safundiswa isiFanakalo. Amabali am abonisa iintlungu ezayame kulonwabo kuloo meko yasemigodini kuba yayikho nemidlalo nemigcobo ezonwabisayo ngokweentlanga ngeentlanga. Sasikwajongene nootsotsi kunye neentwazana ezithengisa ngemizimba. Ababhali abathe banefuthe ekubhaleni kwam baquka aba: uW.K. Thamsanqa ngencwadi yakhe ethi "Buzani kubawo," uP.T. Mtuze ngeyakhe ethi "Alitshoni Lingaphumi," kunye no L.L. Sebe ngencwadi yakhe ethi "Ucamngco."
- Full Text:
- Date Issued: 2017
Ukuphononongwa kwezaphuli-mthetho nokuzalana kwemixholo yenkangeleko kwincwadi ka L. K. Siwisa "Izimanga zalo mhlaba"
- Authors: Melane, Amanda Boniswa
- Date: 2006
- Subjects: Siwisa, L. K. -- Criticism and interpretation , Siwisa, L. K. Izimanga zalo mhlaba , Xhosa fiction -- History and criticism
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8471 , http://hdl.handle.net/10948/564 , http://hdl.handle.net/10948/d1011677 , Siwisa, L. K. -- Criticism and interpretation , Siwisa, L. K. Izimanga zalo mhlaba , Xhosa fiction -- History and criticism
- Description: Ubundlobongela buxhaphake okweentwala kubaThembu. Zininzi iindidi zobundlobongela ezithi ziqhubekeke apha ekuhlaleni. Abantu abathi bazibandakanye nobundlobongela, baphembelelwa ziimeko ezithile. Iimeko ezifana nokunqaba kwemisebenzi, izinga elinyukileyo lokusetyenziswa kweziyobisi nendlela athi umntu othile akhule ngayo. Ukuba ubani othile ukhule ngobusela, naye ulandela emkhondweni kanye abe lisela elibalaseleyo. Kwincwadi kaL. K. Siwisa ethi, “Izimanga zalomhlaba” kubhaqeka oku kulandelayo: Umntwana okhule ekhayeni lakhe kuetyenziswa iziyobisi naye wenza njalo akuba mkhulu. Imali eza ngobuqhinga nokuphela kwayo kuba lula. Ungumntu ebomini kufuneka utye ukubila kwebunzi lakho, uyeke ukufuna ukuvuna kodwa ungakhange ulime. Umntu kaloku uvuna loo nto athe wayilima. Apha ebomini zimisele ukwenza ubutyebi nelifa ngeli xesha usadla amazimba ukuze uphumelele. Xa ungumntu zimisele ukwanela, kule ndawo uMdali akubeke kuyo. Akufuneki ube ngumntu onentliziyo ende, unikwe isandla, wena ufune isandla kunye nengalo. Yonke le mikhwa ikukhokelela ekubeni ekugqibeleni wenze ubundlobongela. Ubundlobongela ke abubhatali koko busingisela kwantshabalala. Kula mabalana iyangqineka ngokuthi abonise iziphumo zobundlobongela ezifana nokuphulukana nobomi, ukuphelelwa zizinto zakho obunazo ngenxa yamaqhinga nobusela nokuphelela entolongweni. Kobu bundlobongela kukholisa ukubakho amaxhoba. Ngelishwa uninzi lwawo iba ngamabhinqa nabantwana.
- Full Text:
- Date Issued: 2006
Ukuchichimala kwechweba
- Authors: Mbungwana, Mthunzikzi
- Date: 2020
- Subjects: Xhosa poetry
- Language: Xhosa
- Type: text , Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/168512 , vital:41590
- Description: iThisisi nepotifoliyo. It is a collection of poems relating to women and society and gender related issues including gender based violence. It also focuses on how Christianity and Xhosa culture has violated women's rights and how they both believe that men and women should have different roles in society.
- Full Text:
- Date Issued: 2020
Transcription, edition, translation and critical analysis of biographical poems contributed by S E K Mqhayi to early IsiXhosa newspapers
- Authors: Mazwi, Ntombomzi R
- Date: 2017
- Subjects: Mqhayi, S E K -- Criticism and interpretation , Mqhayi, S E K -- Translations , Xhosa language -- Transcription , Xhosa poetry -- History and criticism , Xhosa poetry -- Translations
- Language: English , Xhosa
- Type: Thesis , Doctoral , PhD
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/18570 , vital:22356
- Description: During the nineteenth century secular creative literature produced by missionaries and publishers was designed for the educational market and for school children and there was nothing for adults. Works of isiXhosa literature was controlled in content and freely edited by the missionaries to satisfy the demands of educational syllabuses. As a result, students at universities, scholars of literature and academics in higher education are lacking primary documents on this literature and therefore are forced to study the limited and unavailable literature books. This thesis concentrates on the work of a particular isiXhosa writer, namely that of S.E.K. Mqhayi. The earlier writers like S.E.K. Mqhayi, J.J.R. Jolobe, G.B. Sinxo and others made their mark in South African literature and culture. Their works were published in journals and newspapers in isiXhosa by the missionaries. This means isiXhosa literature can be found in abundance in the earlier newspapers. What needs to be addressed is how the South African community and literature scholars mentioned above could have access to that work. Mqhayi is well known as the father of the isiXhosa language because of his substantial literary and linguistic contribution to the development of the language. As already mentioned he made his contribution through written work which was published in various newspapers of his time and unfortunately most people are unable to access this material, hence the focus of this thesis. The vast majority of his journalism remains as yet uncollected. However, scholars like Opland (1983) and Saule (1989) made some effort to bring this information to the public through their extensive research. S.E.K. Mqhayi’s popular poems have been published and analyzed over the last century and more recently (Qangule 1979; Kuse 1979; Opland 1983; Saule 1989 & 1996; Ntuli & Swanepoel 1993 and Opland 2009). However, in terms of quantity and value, these are negligible compared to what Mqhayi has published. There are still numerous of Mqhayi’s poems that would add value to the study and history of isiXhosa literature. The main aim of this research is to carry on from where these scholars left off and to bring to the fore the legacy Mqhayi left to the South African people. Hence, thirty (30) poems on people by S.E.K. Mqhayi have been transcribed from the old newspapers, re- typed, translated into English and analysed. These poems are largely published in newspapers but have never been subsequently republished, and hence they are almost completely unknown. The thirty (30) poems have been selected with the assistance of Professor Jeff Opland, a retired Professor from the University of London’s School of Oriental and African Studies (SOAS). The poems are from his Opland Collection of Xhosa Literature housed in Godalming, United Kingdom. They are presented in the manner in which they appeared originally, that is, in terms of isiXhosa orthography during the times of Mqhayi’s writing (Diplomatic Presentation). The data is analysed and discussed in relation to how Mqhayi’s biographical poems can give insight not only to Mqhayi’s subjects of praise, but into how he uses historical, political and sociocultural contexts in the praises of his subjects, meaning that the discussion revolves around the practice of the Historical-Biographical Criticism. The poems are translated into English to allow for this literature not only to be disseminated among isiXhosa speakers, but also to speakers of other languages who understand English. The translation method chosen is the one believed to produce the originality of the source text and sameness of meaning in the target text which is regarded as equivalence. This thesis therefore is an investigation into 30 poems selected from biographical poems written by S.E.K. Mqhayi in newspapers during the period 1899-1944. In essence this thesis presents an in-depth analysis of Mqhayi’s poems against the backdrop of oral literary theory as expounded by theorists who have grappled with the orality-literacy debate, a debate which directly informs Mqhayi’s poetry as he was the first oral poet to transition between orality and literacy. , Uncwadi oluveliswe kwishumi elinesithoba lamakhulu eminyaka ziimishinari nabapapashi lwalwenzelwe izifundiswa kunye nabantwana besikolo kwaye akukho msebenzi mninzi ofumanekayo owawenzelwe abantu basekuhlaleni. Umsebenzi omninzi wokubhaliweyo kuncwadi lwesiXhosa wawulawulwa, uhlelwa kwaye ulungiselelwa uqingqo lwezifundo. Oko ke kuye kwabangela ukuba abafundi abakumaziko emfundo ephakamileyo, iimfundi zoncwadi kunye nabahlohli zingabinawo amaxwebhu okwenene oncwadi lwesiXhosa, kwaye loo nto yenza ukuba kufundwe kwaye kwenziwe uphando ngeencwadi ezimbalwa. Olu phando ke ngoko luza kuqwalasela lugxininise kumsebenzi wombhali wesiXhosa onguS.E.K. Mqhayi. Ababhali bangaphambili abafana noo-S.E.K. Mqhayi, J.J.R. Jolobe, G.B. Sinxo nabanye bashiya ifuthe elikhulu kuncwadi nenkcubeko yoMzantsi Afrika. Imisebenzi yabo yayipapashwe ziimishinari ngesiXhosa kuluhlu lwemibhalo namaphephandaba. Oko ke kuthetha ukuthi le misebenzi yesiXhosa iyafumaneka kumaphepha-ndaba angaphambili. Okufuneka kulungisiwe yindlela abemi boMzantsi Afrika kunye nezi mfundi zoncwadi zikhankanywe ngentla zingathi ziwufumane lo msebenzi waba babhali bangaphambili. UMqhayi waziwa ngokuba yinkcuba- buchopho yolwimi lwesiXhosa kwaye udlale indima enkulu kakhulu ekuphuhliseni ulwimi lwesiXhosa. Njengokuba sele ikhankanyiwe ngentla, umsebenzi wakhe upapashwe kumaphephandaba awohlukeneyo wela xesha wayesaphila kwaye kungelishwa ke ukuba abantu abaninzi abakwazi ukuwufumana loo msebenzi. Eminye yemisebenzi yakhe emininzi ke kodwa ayiqokelelwanga. Iingcali ezifana noo-Opland (1983) noSaule (1989) zaye zenza uphando olukhulu zizama ukuzisa olu lwazi eluntwini, kodwa oko akwanelanga. Kwiminyaka edlulileyo imibongo edumileyo ka-S.E.K. Mqhayi sele yapapashwa (Qangule, 1979; Kuse, 1979; Opland, 1983 & 2009; Saule, 1989 & 1996; Ntuli & Swanepoel, 1993). Nangona kunjalo ke isekhona eminye imibongo kaMqhayi engekaveli nenokuthi ibe nenxaxheba kakhulu ekufundeni nasekufundiseni uncwadi lwesiXhosa. Olu phando ke kukuqhubeka apho aba babhali bakhankanyiweyo bayeke khona ukuzisa phambili umsebenzi nelifa elashiywa nguMqhayi kubemi baseMzantsi Afrika. Kungoko ke imibongo engabantu engama-30 kaMqhayi iza kuthi ikhutshelwe isuka kumaphephandaba akudala, iguqulelwe esiNgesini ze ihlahlelwe. Uninzi lwale mibongo ipapashwe kumaphephandaba akudala kwaye zange iphinde ipapashwe kwenye indawo, kungoko ke ingaziwa kakhulu. Ukukhethwa kwale mibongo ingama-30 kuncediswe nguNjingalwazi uJeff Opland, uNjingalwazi odla umhlala-phantsi weYunivesithi yase-London kwiSikolo seZifundo ngezaseAfrika naseMpumalanga (SOAS). Le mibongo isuka kuluhlu lwakhe athe waluqokelela nolubizwa ngokuba yi-Opland Collection of Xhosa Literature oluse- Godalming, e-United Kingdom. Indlela le mibongo eza kuthi ibhalwe ngayo yileyo uMqhayi wayeyibhale ngayo ngexesha lakhe. Le mibongo ihleliwe kwaye oko kubhaliweyo malunga nayo kuquka indlela apho imibongo kaMqhayi ngobomi babantu kuthi kubonise indlela abonga nabonisa ngayo izinto zoPolitiko, zakudala nezasekuhlaleni ezazisenzeka ngela xesha. Indlela ethi konke oku kuthi kuvele kule mibongo kaMqhayi kwaye kuya kuthi kuvezwe kolu phando. Ukuguqulelwa kwale mibongo esiNgesini kuya kuthi kuncede ukuba nabo bangasithethiyo isiXhosa bakwazi ukufumana le mibongo. Indlela esetyenzisiweyo yoguqulo-lwimi yale mibongo yileyo ivumela ukuba umbhalo uguqulelwe ngokufanayo nombhalo-ntsusa kwaye intsingiselo kumbhalo ekuguqulelwa kuwo ingatshintshi. Lo misebenzi ke ngoko uluphando lwemibongo engabantu ekhethiweyo engama30 ebhalwe nguSEK Mqhayi kumaphephandaba kwimiminyaka u1899 - 1944. Umongo wolu phando kukwenza uhlalutyo - nzulu lwemibongo kaMqhayi eyaleka kuphando - lwazi osele lwenziwe njengoko lucaciswa ziingcali ezithe zazamana nengxoxo yoncwadi lomlomo, ngxoxo leyo ethe yachaphazela ngokumandla umongo wezibongo zikaMqhayi njengembongi yokuqala ukuwela ukusuka kuncwadi lomlomo ukuya kuncwadi olubhaliweyo.
- Full Text:
- Date Issued: 2017
Uphando-nzulu lweempendulo ezibhaliweyo zabafundi bamabakala aphezulu emfundo kuncwadi lwesiXhosa
- Authors: Mavela, Xolani Sikhomo
- Date: 2018
- Subjects: Discourse analysis , Anthropological linguistics , Academic writing Study and teaching , Academic writing Evaluation , Linguistics Research
- Language: Xhosa
- Type: text , Thesis , Doctoral , PhD
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/63176 , vital:28370
- Description: Kwiziphumo zakutsha nje ezivezwe kwiigridi zocazululo zohlolo loncwadi kwinqanaba lemfundo ephakamileyo (FET), kufumaniseke ukuba abafundi beli nqanaba abaqhubi kakuhle tu kwaphela xa becelwa ukuba babhale iimpendulo zabo kwanezo zimandundu nezikhwencayo kwiitekisi zoncwadi. Ngenxa yesi sizathu, eyona njongo iphambili yolu phando kukuzama ukuyila nokuvelisa isixhobo esinokusetyenziswa ekwaziseni nasekuxhobiseni abafundi besiXhosa abakwinqanaba leFET, ngezakhono zokubhala eziphuhlileyo nezikumgangatho wobhalo lwamaziko emfundo enomsila. Kule meko, ingcali yophando kwezobhalo lolwimi uMartin (2009) uhlomla ngelithi ubhalo olujolise ekunikeni iimpendulo, lubonwa njengohlobo lokubhala oluneengcambu ezimiliselwe ekufundisweni nasekungeneleleni ngokugqibeleleyo ngezakhono zokubhala, bhalo olu lunokuthi emva kwethuba elithile, luphelele kwincochoyi yokushicilelwa, lube ngamaxwebhu ahlelwe ngokusesikweni. Iindlela okanye izixhobo zokubhala eziyilwe ngeenjongo zokunikeza iimpendulo, nezithathwe kuphando lukaFeez noJoyce (1998), zizo eziza kusetyenziswa njengenxalenye yoqeqesho nakumaphulo ongenelelo oluza kuxhasa abafundi besiXhosa benqanaba leFET, nanjengoko ezi zixhobo zibonakala zinegalelo elincomekayo kwindlela ekubhalwa ngayo iimpendulo zeetekisi zoncwadi, ngokuthi zigxile kwezi njongo zilandelayo: (i) Ukunika abafundi ulwazi lokuzuza ulwazi olunzulu nolugqibeleleyo ngokuphathelele kwiinjongo zetekisi. (ii) Ukunika inkcazelo ecacileyo ngokubaluleka kwesakhiwo setekisi kwanokubunjwa kwayo. (iii) Ukuxhobisa abafundi ukuze bakwazi ukuchonga ulwimi oluxabisayo, iimpawu zobume bamagama negrama, kuquka nemiba ephambili yamasiko kwiitekisi zoncwadi. Ngenxa yezi njongo, kufikelelwa kuqikelelo oluthi, kuya kuthi ngokusetyenziswa kwesixhobo sikaFeez noJoyce seZakhono zokuBhala, sixhobo eso sayame kwiinqobo zeNgcingane yokuXabisa okufundwayo nedandalaziswa nguMartin noWhite (2006; 2005 no-2003) nayo le ngcingane eluncedo ekufundisweni kokubhala, abafundi abaninzi boncwadi lwesiXhosa kukholeleka ukuba bakukwazi ukuphuhlisa izakhono zokubhala iitekisi ezinika iimpendulo ezihlahlela imiba ephambili yoncwadi abalufundisiweyo. Olu phando lukwahlabela mgama lubonisa nokuba nezinye izixhobo zoyilo lweetekisi zikaGrabe noKaplan (1996), zinakho ukusetyenziswa ngaxesha linye neenqobo zeNgcingane yokuXabisa okufundwayo, kuquka nemiba yeZakhono zokuBhala, ukuze kwandiswe oku kuphuhliswa kwezakhono zokubhala kubafundi besiXhosa, kungaphelelanga kumabanga aphezulu, koko kufikelelwe nakumabanga asezantsi, nanjengoko kuveziwe kwiziphumo, kwizishwankathelo nakwisiphelo solu phando.
- Full Text:
- Date Issued: 2018